Njengokuba kusondela ixesha lokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali baninzi abadlali abazama ukukhangela iindawo abaza- kudlala kuzo kwisizini ezayo.
Umdlali siswini weKaizer Chiefs, uReneilwe Letsholonyane, ngomnye wabadlali okhangela indawo ngoba isivumelwano sakhe neChiefs sifikelela esiphelweni xa kuphela le sizini. Ukusukela kunyaka ophelileyo kubekho amahum-hum athi, uYeye angayishiya iChiefs emva kweminyaka engaphaya kwemithandathu engumdlali ophambili kuyo.
Kule veki, Amakhosi ade aphumela elubala ngenxa yeengxelo ezijikelezayo ngekamva lalo mdlali. “Umcimbi kaYeye siyathetha ngawo. Siza- kusenza isibhengezo malunga nekamva lakhe ngexesha elifanelekileyo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs.
Nangona engasoloko edlala uLetsholonyane kule sizini ngokufanayo nangokuya bekukho uStuart Baxter, ukhathazwe kakhulu kukonzakala.
Kodwa ngoku iChiefs ithi uphilile kwaye kulindeleke abekhona kwimidlalo ezayo.
ULetsholonyane ngomnye wabadlali abanamava kweli qela nabadlale indima ebalulekileyo xeshikweni iKaizer Chiefs izuza iindebe zePSL nezinye kule minyaka mine idlulileyo.
Ekugalelekeni kukaStuart Baxter kweli lizwe loMzantsi Afrika ezothatha isikhundla kwiSuperSport United, kubekho iingxelo ezithi kunokwenzeka abadlali abatsalele kuye nanjengoko ebazi amandla abo. UYeye uphakathi kwabo badlali ekukrokreleka ukuba bangaya kwiSuperSport United.
pedro.mapelo@inl.co.za
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung