Amakhosi ancume olukabhulankethe emva kokubetha iHighlands Park etsala nzima kwezi ntsuku ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, eMoses Mabhoda Stadium, ngolu rhatya. Yimidlalo mihlanu ngoku ephunyelelwe yiKaizer Chiefs ilandelelana – lo nto iyithathe yayibeka enkcochoyini yePSL, inamashumi amathathu anesithathu amanqaku.
Umdlalo ububambene kwisiqingatha sokuqala ngoba iChiefs ibifuna impumelelo ukuze ibethelele indawo yayo phakathi kwamaqela aphala phambili kwiPSL – kwelinye icala, uGordon Igesund, uze namakhwenkwe wakhe kulo mdlalo enethemba lokoxutha amanqaku kwiChiefs ukuze asuke phaya emsileni wePSL.
Isiqingatha sokuqala besilawulwa yiKaizer Chiefs ubukhulu becala, uWillard Katsande nguye obetyala iibhola kubadlali abafana noJoseph Molangoane, Siphiwe Tshabalala noBernad Parker. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi enkqenkqeza phambili ngegowuli elifakwe ngentloko ngumdlali wasemva uLorenzo Gordinho.
Kumdlalo odlalwe emalanga,
URamaphosa uyiqhwabele izandla iEPWP encede abantu abaninzi