Amakhosi aqalile ukucoca indlu ngokukhulula abadlali abathathu abaziwayo

Njengokuba amaqela ePremier Soccer League eqale amalungiselelo esizini entsha, nako ukuhamba nokufika kwabadlali kumaqela ohlukeneyo sekuqalile. Iingxelo ezivakalayo zithi Amakhosi sele eqalile ukucoca indlu yawo njengokuba elindele ukufika komqeqeshi omtsha ekuthiwa nguNasreddine Nabi. USifiso Hlanti, uKeagan Dolly noSiyethemba Sithebe kuthiwa bakhululwe yiKaizer Chiefs. Bobathathu banezivumelwano zengqesho eziphelelwa xa kuphela le nyanga yeSilimela.

Bakhona abanye abadlali ekulindeleke bakhululwe njengokuba kusiza abaqeqeshi abatsha kwiChiefs eyintlekisa yabalandeli bamanye amaqela ngenxa yokungaqhubi kwayo kakuhle kwiisizini ezigqithileyo. Abaphathi babila besoma bezama ukwenza konke okunonceda kuphumelele ilinge labo lokunceda kuhlaziyeke iChiefs eneminyaka elishumi ingasaphakamisi ndebe nakubeni ibikhe yaqeqeshwa ngamadoda aziwayo aquka uSteve Komphela, uEnrst Middendorp, uStuart Baxter noGavin Hunt.

Nakubeni uSifiso Hlanti edlale imidlalo eqabele kumashumi amathandathu kwiChiefs – kodwa umsebenzi wakhe ukhalise abantu abaninzi kwisizini edlulileyo. Ukuhamba kwakhe akothusi nangona iChiefs ingenaye ncam umdlali ethembele ngaye odlala emva kwicala lasenxele. UHlanti wafika kwiChiefs kwiminyaka edlulileyo emva kokugqwesa kwiBidvest Wits eyabhangayo nakwiMoroka Swallows esecicini lokuthengiswa phambi kokuqala kwesizini entsha ngenxa yokunqaba kwenkxwaso.

UKeagan Dolly ushiya iChiefs isaphatshile nakubeni kwakulindelwe lukhulu kuye. Wafika kusekho amadoda afana noKhama Billiat noLeonardo Castro awayedlala nawo kwiMamelodi Sundowns. Kodwa eyona nto eye yambi kukonzakala okumkhonkxe ixesha elide. USithebe udlalisiwe nguCavin Johnson – kodwa lo nto ayimncedanga. Kulindeleke ukuba Amakhosi abhengeze amagama wabadlali abatsha ingaphelanga le nyanga okanye kwiveki ezayo xa kufika uNabi oza kuba ngumqeqeshi.