Amakhosi aqokelele amanqaku epheleleyo kwakhona

Amakhosi aqokelele amanqaku apheleleyo kwakhona kwimidlalo ilandelelana kule veki. Eli qela lasePhefeni, eSoweto, liquthise kabuhlungu iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obunika umdlalo kakhulu eFNB Stadium ngalo mhla weNkcubeko eMzantsi Afrika. NgoLwesithathu iKaizer Chiefs ibethe iHighlands Park FC ngo’1-0.

Amagowuli weKaizer Chiefs afakwe ngumdlali wasemva uLorenzo Gordinho nomdlali-siswini uWilliam Twala kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

Iqela eliwuqale kakuhle umdlalo yiMaritzburg United ngokuhlasela liphinda-phinda. Ifumene amagowuli amabini kwimizuzu engamashumi amabini kwisiqingatha sokuqala somdlalo – kodwa omabini lo magowuli ayiwanikwanga ngusompempe.

Lo nto inike iChiefs ithuba lokungena emdlalweni wayo ngodlame. Phambili uSteve Komphela uxhokonxe ngefolosi yakhe efikayo, uMitchell Katsvairo, ongene endaweni ka-Edward Manqele – obeqale umdlalo phakathi evekini.

UKatsvairo usebenzisene kakuhle noTwala, uGeorge Lebese noPule Ekstein obeyikhathaza kakhulu esiswini naxa kusiyiwa phambili iTeam of Choice.

Nangona isiqale kakubi isiqingatha sokuqala iChiefs – kodwa isivale kakuhle kakhulu. Yona iMaritzburg iphinde yabuya kwisigaba sesibini ihlasela ngamandla ngabadlali abafana noKurt Lentjies no-Evans Rusike phambili – kodwa bala abadlali beChiefs emva.

Uxinizelelo olufakwe liqela lakwaKwaZulu Natal lunyanzele unozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune, ukuba asebenze nzima amatyeli aliqela kulo mdlalo.

Amakhosi ahleli kwindawo kwindawo yesithathu ngoku emva kokuphumelela imidlalo emibini ilandelelana.

Kanti yona iMaritzburg United iyothi folokohlo kwindawo yeshumii elinanye emva kokubethwa kwimidlalo emibini kule veki yodwa.

Le mpumelelo inika abadlali beKaizer Chiefs amandla ngakumbi okuya kwimidlalo elandelayo.

Kaizer Chiefs: Khune, Mphahlele, Mathoho, Gordinho, Khumalo, Katsande, Maluleka (Tshabalala 73’), Twala, Ekstein, Lebese (Cardoso 61’), Katsvairo (Parker 80’)

Maritzburg United: Vries, Mngonyama (Van Wyk 46’), Onyango, Fransman, Weidlich, Mogapi, Moyo, Lentjies, Zulu(Nale 46’), Mekoa, Rusike