Amakhosi aquthise iPirates emdlalweni wekhulu wedabi laseSoweto

Fortune Makaringe of Orlando Pirates challenged by Samir Nurkovic (l) and Darrel Matsheke of Kaizer Chiefs during the DStv Premiership 2020/21 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at the FNB Stadium in Johannesburg on 21 March 2021 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngomhla wembali, ekudlalwe ngawo umdlalo wekhulu wedabi laseSoweto – Amakhosi ancume olukabhulankethe emva kokuquthisa i-Orlando Pirates ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium emalanga namhlanje. Igowuli ephumelele ngalo iKaizer Chiefs ifakwe lixhwanguswa lefolosi, uSamir Nurkovic, emva kweshumi lemizuzu kwiisiqinga sesibini.

UNurkovic unikelwe ibhola ngentloko nguLazarous Kambole oyifumene kuReeve Frosler. Isiqingatha sokuqala siqale ngesantya esiphezulu, njengesiqhelo – iPirates yiyo ebihlasela. ULinda Mntambo, uSiphesihle Ndlovu noDeon Hotto ngabona badlali bebethande ukuba yinkathazo kwiChiefs esiswini.

UDaniel Cardoso, uEric Mathoho, uSiyabonga Ngezana noFrosler benza umsebenzi oncomekayo kakhulu. Amakhosi aqale ukudlala into ecalile emva kweshumi elinesihlanu umdlalo uqalile. Ebezixelele ukuba iPirates kufuneka idlale ngebhola – kodwa into engazukuyenza kukufaka ibhola emnatheni.

Isiqingatha sokuqala siphele iyiChiefs ezamileyo ukudala amathuba acacileyo emdlalweni. Kwesesibini isiqqingatha, omabini amaqela athathe apho ayekho khona kwesokuqala. Akachithanga xesha lide uJosef Zinnbauer, ukhuphe uNtsikelelo Nyauza noLinda Mntambo – kwiindawo zabo ufake uFortune Makaringe noKabelo Dlamini.

Emva kokusukelana ixeshana, iChiefs ibhalise ebhodiningegowuli elifakwe nguNurkovic – obenethuba elide engafumani magowuli. IPirates ayibethwanga ingazamanga, zininzi iinzame ezenzileyo emizuzwini yokugqibela – kodwa abadlali beChiefs bebevale mba emva.

Ekugqibeleni, Amakhosi akwazile ukuphumelela okokuqala kule sizini emidlalweni wayo nePirates aphumelele imidlalo emithathu. Emva kokuzuza amanqaku amathathu, iChiefs ihleli kwindawo yethoba isuka kwindawo yeshumi elinanye. Ukubethwa kwePirates ehleli kwindawo yesine ngoku kunciphise kakhulu amathuba wayo okufumana iMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Frosler, Cardoso, Mathoho, Ngezana, Mashiane, Blom, Ngcobo, Parker, Kambole, Nurkovic.

Amalalela: Bvuma, Katsande, Moleko, Agay, Sasman, Zulu, Matsheke, Lesako, Radebe.

Orlando Pirates: Mpontshane, Hlatshwayo, Maela, Nyauza, Mako, Monare, Motshwari, Ndlovu, Pule, Hotto, Mntambo.

Amalalela: Sandilands, Mabaso, Dzvukamanja, Tshobeni, Dlamini, Jooste, Makaringe, Mabasa, Mhango.