Amakhosi aquthiswe yiTS Galaxy aphuma esophisa eMbombela Stadium

Amakhosi ayinikele umva iMbombela Stadium esophisa emva kokubethwa yiTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership emalanga namhlanje. Emva kokuba Amakhosi ebethe iCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weMTN8 kwiveki ephelileyo – kubekho ithemba leziphumo ezihle emidlalweni elandelayo. Kodwa emva komdlalo wanamhlanje, kuvele kwacaca ukuba kusafuneka uMolefi Ntseki alungise. Ngokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni wanamhlanje, iTS Galaxy inamanqaku asixhenxe ngoku. Ayikabethwa kuyo yonke imidlalo eyidlalileyo kule sizini eqhubekayo. Ithembisile iChiefs emizuzwini kwisigaba sokuqala eMbombela Stadium. URanga Chivaviro ude wafumana ithuba lokufaka igowuli – kodwa ibhola yakhe iphume ngaphezulu kweepali.

Kuye kwanyanzeleka uNtseki afake iChristian Saile endaweni kaChivaviro oye wonzakala emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini – kodwa iTS Galaxy ibibonakala ukuba ilwela ukuwuphumelela umdlalo ebaleni layo ebeligcwele abalandeli beChiefs. Bekufanele ukuba baye batyhafa abadlali beTS Galaxy emva kokuvinjwa kwabo ipenela ngusompempe ongamohlwayanga uSifiso Hlanti obambe ibhola emhlabeni kanozinti. Kodwa khange kube njalo, balwile bekhokelwe nguBernard Park odlalele iChiefs iminyaka emininzi. Emva kokunkqonkqoza ixesha elide, iTS Galaxy ide yabhalisa ebhodini. Igowuli layo lifakwe nguBrandon Petersen ezipalini zakhe emva kokungakwazi ukubamba ibhola ebikhatywe nguHigor Vidal obeyinkathazo kakhulu ebadlalini beChiefs emva.

Noxa iChiefs ibizama ukuya phambili – kodwa iinzame zayo bezichithwa lula ngabadlali basemva beTS Galaxy bekhokelwe nguMlungisi Mbujana onikwe iwonga lomdlali oqaqambileyo emva komdlalo namhlanje eMbombela Stadium. Ngoku iqela likaSead Ramovic linyukele kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership emva kokubetha iChiefs namhlanje eMpumalanga. IChiefs isahleli kwindawo yeshumi elinesithathu emva kokungaphumeleli namnye umdlalo kwemithathu eyidlalileyo kwiDStv Premiership. UNtseki uphume ebaleni ekhuselwe ngamapolisa ngenxa yabalandeli beChiefs abe bemfuna esiqwini emva kokubethwa kweqela labo. Umsindo wabalandeli uphenjelelwa kukungadlali kakuhle kweqela labo nakuba besazi ukuba baza kujongana neMamelodi Sundowns emidlalweni yeMTN8 kwiiveki ezizayo.