Nangona ukuthengwa nokuthengiswa kwabadlali bekukhe kwahamba kancinci, izinto ziyaguquka njengokuba kusondela ukuvulwa kwesizini entsha. Iindaba ezivakalayo zithi Amakhosi azingela umdlali ophambili wePolokwane City, u’Oswin Appollis. Abasemfuthweni wolwazi baxelele iphephanda laseGoli ukuba Amakhosi ayathetha nePolokwane ngomdlali, into ekusajijiswana ngayo yimali aza kuthengwa ngayo uAppollis odlalela aBafana Bafana. Nakubeni kunjalo, iChiefs imfuna nyhani umdlali.
Amakhosi abuyela ekhaya kule veki emva kokuchitha iiveki eTurkiya – apho ebephekwa esophulwa khona ngumqeqeshi omtsha, uNabi Nasreddine nabancedisi bakhe afike nabo. Ekuqaleni kwale nyanga, iKaizer Chiefs ikhulule abadlali abafana noKeagan Dolly noSifiso Hlanti. Ngoku iqokelela abadlali abanokuthi banceda iChiefs ezama ukuzihlaziya ukuze ibuyele kundalashe. Umdlali ofama no’Appollis uza kuncedisa abadlali abahlaselayo futhi okuhle kukuba uyakwazi ukufaka amagowuli.
“Into endiyivileyo kukuba iingxoko zingasongwa kwamsinyane. Singeva kusithiwa uyekile ukujima ukuze kugqitywe umba weChiefs naye,” utshilo ohlebele iPhakaathi. Ukufunwa kwakhe umdlali wePolokwane City akothusi futhi bekulindelekile ukuba akazukuhlala kuyo emva kokudlala kakuhle kwisizini egqithileyo. Kunokwenzeka Amakhosi asebenzele ukuwusonga umba wokuthenga uAppollis phambi kwangoLwesine – umhla aza kube ephehlelela ngawo izikipha ezitsha zikaKappa.
Ukuba abadlali abatsha abaziswanga ngoLwesine, baza kwaziswa phambi komdlalo weToyota Cup ophakathi kweChiefs neYoung Africans oza kube useBloemfontein Stadium emalanga ngeCawe. UNabi, oyena mntu oza kube eqhuba inqwelo, uza kwaziswa ngokusesikweni kule veki. Wafikela eTurkiye ngoba uvale isizini eMorocco sele iChiefs ihambile apha eMzantsi Afrika. Umdlalo ngowokulungiselela isizini – kodwa nguwo oza kubonisa ukulungela kweChiefs isizini entsha ka2024/25.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!