Amakhosi asinde cebeshu kwiMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership

Asinde cebeshu kwakhona Amakhosi abambene ngo’1-1 neMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eHarry Gwala Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Umqeqeshi weChiefs, uGavin Hunt, ugqibe kwelokuba asebenzise iqela abethe ngalo iPetro de Luanda emdlalweni weCaf Champions League ngempelaveki egqithileyo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu. Iqela ebelidlalela ekhaya lisukele kuqala kwaye kubonakala ukuba lifuna igowuli elikhawulezileyo.

Emzuzwini weshumi elinesihlanu, uThabiso Kutumela ufake igowuli lokuqala emdlalweni emva kokunikelwa ibhola ngobuchule nguJose Ali Meza – othe gqi kwicala lasekunene. Bekufanele isiqingatha sokuqala siphele iMaritzburg ihamba phambili ngamagowuli amabini – kodwa akubanga njalo ngenxa kaBongokuhle Hlongwane ophose ithuba elihle. Amakhosi adlale umdlalo ongadibaniyo kwisigaba sokuqala, kangangokuba inye kuphela ibhola ayikhabele kunozinti weTeam of Choice.

Amaqela aqale isigaba sesibini apho ebeyeke khona kwisigaba sokuqala. IMaritzburg iqhubele phambili nokuyisukela iChiefs isebenzisa uKutumela phambili. Umdlalo weChiefs uye waphucuka kwesesibini isigaba. UHunt ufake uSamir Nurkovic, uNjabulo Blom noSiyabonga Ngezana zatsho zatshintsha kancinci izinto. Umdlali wasemva, uEric Mathoho uphantse wafaka ibhola entle ebigotywe nguReeve Frosler – odlale kakuhle kakhulu ephikweni lasekunene.

Ungenile uJudas Moseamedi waphantse wamfaka engxakini uDaniel Akpeyi. Aqhubele phambili Amakhosi nokulwa ade avuzwa ngegowuli elifakwe nguLebogang Manyama phambi kokuphela komdlalo. Impumelelo ibiza kuyinyusela phezulwana iMaritzburg United esekele iqela elisemsileni kwiDStv Premiership. Kweminye imidlalo: iTS Galaxy ibethe iBlack Leopards ngo’3-1, iBaroka ibethwe ngo’3-1 siStellenbosch, AmaZulu abethe iChippa ngo’1-0 yona iGolden Arrows ibethe iTshakhuma Tsha ngo’2-1

Maritzburg United: Engelhardt, Shandu, Allie, Ismail, Rae, Morgan, Claasen, Kutumela, Tlolane, Meza, Hlongwane.

Amalalela: Mpandle, Hlubi, Moseamedi, Modise, Bhengu, Carnell, Sifama, Hachi, Ntshangase.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Frosler, Cardoso, Mathoho, Zulu, Mashiane, Katsande, Ngcobo, Manyama, Parker, Kambole

Amalalela: Bvuma, Mphahlele, Baccus, Sasman, Ngezana, Blom, Lesako, Radebe.