Amakhosi athi alinde uYeye

Sekulithuba kusenziwa amaqashiso ngekamva lomdlali ophambili, uReneilwe Letsholonyane, kodwa lona iqela lakhe lithi nguye obambezela izinto.

Ekuqaleni kwalo nyaka bekuvakele iindaba ezithi lo mdlali uphakathi kwabadlali abaliqela ekulindeleke bayishiye iKaizer Chiefs ekupheleni kwale sizini.

Kwinyanga ephelileyo umanejala weChiefs, uBobby Motaung, wakhupha ingxelo ethi abazimiselanga kuphulukana nalo mdlali, kwaye iingxoxo ngesivumelwano sengqesho esitsha ziqhubela phambili.

Lo mdlali wafika kweli qela lizinze eNaturena ngo-2009 esuka kwiJomo Cosmos. Ekufikeni kwakhe uYeye wasebenza nzima nto leyo ekhokelele ekusetyenzisweni kwakhe njengentsika yeChiefs phantse ngabaqeqeshi bonke adlale phantsi kwabo.

Kwincoko ekhethekileyo uBobby Motaung abenayo neSolezwe uyibeke yacaca into yokuba into isemdlalini.

“Konke ngekamva lakhe uYeye kuxhomekeke kuye. Thina sisenzile isicelo ngento esifuna ukumnika yona. Silinde yena ade aphendule. Xa engayamkeli into esimnika yona, uyazi ukuba iingcango zethu zivuliwe ngamaxesha onke. Ukuba akoneliseki ekugqibeleni uvumelekile ukuya kulo ndawo afuna ukuya kuyo,” utsho uBobby.

Amakhosi agagene nengxaki ekupheleni kwesizini edlulileyo ngethuba ephulukana nabadlali bayo abaphambili abafana noMandla Masango noTefu Mashamaite ngenxa yokwaphuka kweengxoxo ngezivumelwano ezitsha.

Kwiveki ephelileyo iChiefs iphulukene noReyaad Pieterse okhethe ekuhamba xa iphela le sizini. UYeye akasoze adinge ndawo yokudlala ngoba ungumdlali ozebenza nzima.

Umqeqeshi weSuperSport United, uStuart Baxter, khange awufihle umnqweno wakhe wokufumana lo mdlali ukuba akahlali kwiChiefs. Ebuzwa ngokuba kutheni besoyiswa xa kufanele kuvuselelwe izivumelwano ezitsha zabadlali.

“Iingxoxo aziyongxaki qha sibethwa lixesha. Apha kwiChiefs sinendlela esichophela ngayo iingxoxo zezivumelwano zabadlali. Siqala ukuthetha naye umdlali kusasele unyaka. Umdlali simnika isicelo sethu kwangethuba, kubakuye ke ukuba uphendula nini umdlali. Abanye bathatha ixesha labo, kodwa abanye baphendula ngokukhawuleza,” utsho uBobby.