Amakhosi athi ngeke adlale abadlali beneKhorona

Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela igowuli emdlalweni weDStv Premiership kutshanje. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Amakhosi abetha ngenqindi phantsi ngelithi ngeke adlale wona abadlali bawo besahlaselwe yiKhorona. Kwiveki ephelileyo Amakhosi acele ihlehliswe yonke imidlalo yenyanga yoMnga emva kokuba kufunyenwe amashumi amathathu ananye onke abantu beneKhorona enkampini yawo. Abasemfuthweni wolwazi bathi balithoba qha abadlali iKaizer Chiefs ebinabo okanye abasindileyo kwiKhorona kwiveki ephelileyo – kodwa kuphinde kwavela ukuba kukho isihlanu asichaphazelekileyo kwakhona. Latsho inani layokutsho kumashumi amathathu anesithandathu. Bekufanele ukuba iChiefs idlale neCape Town City umdlalo weDStv Premiership kwimpelaveki egqithileyo. Ayikwazanga ukuya emva kokuba iPSL ingasiphendulanga isicelo sayo sokuhleshlisa imidlalo. Ngokwamajelo eendaba, uGqirha Irvin Khoza uthe isigqeba esilawula iPSL siyaquqwalasela umba weChiefs – kodwa wathi imidlalo kufanele iqhubele phambili.

Umbuzo: Njani abadlali behlaselwe yintsholongwane ebulalayo njengeKhorona? Ngumbuzo abazama ukuwuphendula lowo abaphethe iPSL xa bengafuni ukwamkela isicelo esenziwe yiChiefs. Emalanga ngoLwesibini, iChiefs iqinisekisile ukuba angeke ikwazi ukuya kwiGolden Arrows ngenxa yesimo ekuso. Ukuba kunokwenzeka iPSL ingasamkeli isicelo seChiefs, ingaphulukana namanqaku amaninzi kakhulu. “Emva kokubonisana noogqirha ngesimo seKhorona egubungele iqela eNaturena, iChiefs ayikwazi ukudlala neGolden Arrows umdlalo obuza kuba sePrincess Magogo Stadium,” intshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs emva kokuthi cwaka kwePSL.

“Nangona iChiefs isalinde kuphendulwe isicelo sayo yiPSL, abadlali babuyele enkampini. Kodwa nakubeni kunjalo, baza kudinga ithuba lokuzilungiselela phambi kokuba badlale kwakhona. Oogqirha nabaqeqeshi bayibeke phantsi kweliso elibukhali imeko belandela imithetho yeKhorona ukuze kunqandwe ulosulelwano. Siliqela elibuxabisileyo ubomi babantu belizwe, ngeke sikwazi ukubeka ubomi babo engozini ngabom. Into engasobe iyenze iChiefs kukudlala ngabadlali beneKhorona. Asikwazi ukuhamba ngenxa yenani eliphezulu labantu abaneKhorona,” itshilo iChiefs. Okubi kukuba umtshutshisi wePSL, uMnu. uNande Becker, ugqibe kwelokuba abeke phantsi. Emva kwakhe kulandele intloko yezomthetho uMichael Murphy.