Amakhosi athumele umyalezo kwiPirates!

UHappy Jele noGustavo Paez besilwa ngebhola kumdlalo weCarling Black Label kumdlalo owawuse FNB Stadiumumfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuba amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League ethathe ikhefu leeveki ezimbini – kule veki abuye ngodlwabevu lwemidlalo.

UMzantsi Afrika uzakohlukana phakathi kule mpelaveki xa kudibana iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates kumdlalo wePSL ngo’15:30 eFNB Stadium.

Xa kusondela umdlalo wezi zangxa zebhola yoMzantsi Afrika kubakho ingxoxo kwiindawo zoluntu, emakhaya kwiindawo ekubhejwa kuzo, ingulo nalowo uphakamisa uluvo lwakhe acinga ukuba luchanekile.

Amakhosi aya kulo mdlalo ukuzithemba kuphezulu emva kokuguqisa phantsi iMamelodi Sundowns ngo’2-1 eLoftus Versfeld Stadium ngoLwesibini kweminye yemidlalo eyakhe yabalasela kule sizini ka-2017/18.

Ngokuphumelela lo mdlalo, uSteve Komphela uthumele umyalezo ocacileyo kwiBucs ngeyona nto elindelekileyo kulo mdlalo. IChiefs ihleli kwindawo yesithathu kwiPSL emva kokuzuza impumelelo yayo kule veki – kwaye ukubetha iqela elifana nePirates kungabafunqula kakhulu abadlali.

Nangona iChiefs isengxakini yokonzakalelwa ngabadlali abaphambili – kodwa ukungabikho kwabo badlali kunike abadlali abatsha ithuba lokuzibonakalisa.

UWiseman Meyiwa noSiyabonga Ngezana ngabadlali abaveliswe yiChiefs abalixhakamfule ngezandla zozibini ithuba lokudlala abalinikwe nguSteve Komphela – oncume olukabhulankethe emva kokubetha iSundowns phambi komdlalo omkhulu ngempelaveki.

“Umdlalo ubumnandi kakhulu kwaye omabini amaqela ajule yonke into abexhobe ngayo. Le mpumelelo ibisisipho esisinika usihlalo weChiefs (Kaizer Motaung ebezalwa ekuqaleni kweveki). Iya sivuyisa kakhulu impumelelo, ngoku sijonge umdlalo olandelayo,” utshilo uKomphela.

Nayo iPirates izakusebenzisa lo mdlalo njengethuba lokunyukela phezulu. Abadlali abafana noWillard Katsande, uGeorge Maluleke noBernard Parker kulindeleke balwe kube mdaka iisali xa bedibana neziququ zeBucs ezifana noThamsanqa Sangweni, uMpho Makola noThamsanqa Gabuza oyingozi kakhulu xa engagadwanga.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Polokwane City @Princess Magogo 15:30; Ajax Cape Town vs Bloemfontein Celtic @Athlone 20:15; Mamelodi Sundowns vs AmaZulu @Lucas Moripe 20:15; Free State Stars vs Platinum Stars @Goble Park 20:15

NgeCawe: Chippa United vs Cape Town City @Sisa Dukashe 15:30; Baroka FC vs Bidvest Wits @Peter Mokaba 15:30