Amakhosi atyikitye ifolosi entsha!

Inacio Miguel weKaizer Chiefs noTashreeq Morris esadlalela iSupersport United emdlalweni weBetway Premiership kunyaka ophelileyo ePeter Mokaba Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kulindeleke ukuba Amakhosi abhengeze umdlali wawo omtsha kungekudala. Igama lo mdlali omtsha nguTashreeq Morris, itsho ingxelo kumajelo eendaba. Oku kulandela emva kokuba uMorris epase uvavanyo lwempilo enziwe lona kule veki eNaturena. Ukufika kukaMorris osuka kwiSuperSport United kuza kothusa abantu abaninzi ngoba bebelindele umdlali abangamaziyo.

Amatsatsantsa amkhulule uTashreeq Morris ngoba ebenesivumelwano esifutshane naye ukusukela ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Kuncinci kakhulu okungabaliswa ngaye uMorris ngoba unamagowuli amabini kuphela emidlalweni elithoba ayidlale kwiSuperSport United. Elinye kuloo magowuli mabini walifumana edlala neChiefs.

Ukufika kwakhe umdlali omtsha kulandela intetha kaKaizer Motaung Jr ovumileyo ukuba Amakhosi akhangela abadlali abatsha – kodwa watsho ukuba kunzima ukubafumana abadlali ngeli xesha lesizini. Akukacaci ukuba uMorris uza kutyikitya isivumelwano sexesha elingakanani eNaturena.

UNasreddine Nabi uphantsi koxinizelelo ngenxa yokungakwazi kweefolosi zakhe ukufaka amagowuli ngendlela encumisayo. URanga Chivaviro, ekuthenjelwe kuye, unamagowuli amabini qha phantsi kwegama lakhe. Naye unengxaki yokuphosa amathuba acacileyo emidlalweni. Nangona esekwiChiefs – kodwa uChristian Saile ufunwa yiSuperSport United phambi kokuphela kwale nyanga.