Amakhosi atyikitye ifolosi yeMamelodi Sundowns!

Leonardo Castro of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership match between Mamelodi Sundowns and Golden Arrows on 20 February 2016 at Lucas Moripe Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva
kwethuba elide uSteve Komphela ekhangena umdlali waphambili, ngoku ude
wamfumana. Amakhosi abhengeze uLeonardo Castro njengomdlali wawo ngale ntsasa.
UCastro uzakuqala ukudlalela iKaizer Chiefs xa kubuyelwa enkomeni emva
kweeholide zokuphela konyaka okanye ekuqaleni konyaka ozayo. Le ndedeba
yaseColombia bekusoloko kukho amahum-hum ayayamanisa neChiefs – kodwa kungekho
siqinisekiso. Emva kokuhlala ngaphandle kokudlala ixesha elide, uCastro
akakwazanga ukufaka amagowuli kwiDowns ithuba elide.

Lo nto akukacaci
nokuba yenziwa kukufa kweCBD eyayisenziwa yimvano yabadlali abathathu
ababeyingozi kakhulu kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika: uLeonardo Castro,
uKeagan Dolly noKhama Billiat. Ukufika kwalo mdlali zindaba ezincumisayo
kuKomphela osazingela indebe yokuqala njengomqeqeshi weChiefs. UCastro kulindeleke
ukuba akhuphisane nabadlali abafana noBernard Parker noGustavo Paez – okuvakala
iindaba ezithi ufunwa shushu nguPitso Mosimane.