Amakhosi atyikitye umdlali waseKenya – simahla!

Anthony Akumu. Umfanekiso: Kaizer Chiefs/Twitter

Amakhosi
amkele umdlali omtsha kraca izolo eNaturena. Emva kwexesha elide kusithiwa
kukho umdlali ozayo, iKaizer Chiefs ide yambhengeza u-Anthony Akumu
njengomdlali wayo ngokusesikweni. Njengokuba iChiefs ihleli enkcochoyini yePSL,
ngokutyikitya umdlali ofana no-Akumu, kubonakala ngathi izama ukongeza amandla
njengokuba isizini ingene kwisigaba sayo sesibini. Iingxelo zamajelo eendaba
zithi u-Anthony Akumu, 27, ebesesincwadini zeZESCO United yaseZambia – kodwa
uye akasivuselela isivumelwano sakhe sengqesho kuba esiza kwiChiefs, eMzantsi
Afrika. “Samkela iGlamour Boy kusapho lethu, Makhosi,” itshilo ingxelo
ekhutshwe yiChiefs kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, emini izolo.

Ngokokutsho
kweChiefs, u-Akumu utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu yonke.
Kuza kufuneka asebenze ngokuzimisela u-Akumu ngoba iChiefs ikhulule uJames
Kotei engakhange adlale nakanye emva kokoyiswa kukukhuphisana nabadlali abafana
noWillard Katsande, uKearyn Baccus noGeorge Maluleka esiswini. Amaqela
awadlaleleyo u-Akumu aquka iGor Mahia yaseKenya, iAl Khartoum yaseSudan neZESCO yasebumelwaneni.
Ngethuba iKaizer Chiefs ibhiyozela amashumi amahlanu eminyaka yokusekwa kwayo kwiveki
ephelileyo, usihlalo wayo uKaizer Motaung, uthembise ngokuthenga umdlali
osemgangathweni ophezulu. Akukacaci nokuba bakhona na abanye abadlali abaza
kuthengwa eNaturena. Amakhosi sele ebolekise ngoMahlasela kwiPolokwane City, kanti
yena uLorenzo Gordinho uthengiswe kwiBidvest Wits.