Amakhosi avuke ngeSundowns emva kwendlala egqube ixesha elide

UDumasani Zuma efaka igowuli ephumelele ngalo iKaizer Chiefs ebethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership namhlanje eLoftus Stadium. Umfanekiso: Kaizer Chiefs

Emva kwexesha elide kugquba indlala kwinkampu ya Makhosi, namhlanje abuyise isidima ngokubetha iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eLoftus Stadium. Ukuphumelela kwayo iChiefs kuyithathe kwayifaka phakathi kumaqela asibhozo aphambili kwiDStv Premiership.

Umdlalo ubusezingeni eliphezulu njengoko bekulindelekile. Nangona iKaizer Chiefs iphose amathuba amaninzi kwisigaba sesibini – kodwa idlale ngcono phambili nasemva kwisigaba sesibini somdlalo. Ukungena kukaSamir Nurkovic noDumisani Zuma kukona kwenze umahluko omkhulu emdlalweni kwaye ikwa ngabo abancede iChiefs evoke ngeSundowns.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns iphala phambili ngegowuli elinye eqandeni. Igowuli lithe gqi emzuzwini wamashumi amane ngonyawo lesiquququ esaziwayo, uGaston Sirino, emva kokunikelwa ibhola nguGift Motupa.

Aliqela amathuba afunyenwe yiChiefs emizuzwini yokuqala – kodwa uLeonardo Castro akakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle. UKhama Billiat noLebogang Manyama bazamile ukubeka uxinizelelo kubadlali beDowns emva – kodwa ezo nzame zabo azizanga nanto. Ifumene igiya yayo iSundowns yadibanisa iibhola isiya phambili.

Igowuli elifakwe nguSirino ibe ziziphumo zomdlali ongadibanaiyo odlalwe ngabadlali beChiefs emva. Kuthe xa kuza kuphela isigaba somdlalo, uGavin Hunt ukhuphe uBilliat, endaweni yakhe wafaka uDumisani Zuma – ofike wabhutyuza ibhola phambi kukaDenis Onyango.

Kuqale isiqingatha sesibini Amakhosi ephantsi koxinizelelo ngoba ibingawo ahamba emva. Lo nto iwanyanzele ukuba ibe ngawo asukelayo emdlalweni. Uzamile ukukhabela unozinti uCastro – kodwa ibhola yakhe ifike ethe qwa ezipalini uDenis Onyango.

Kuthe kwakubonakala ukuba izinto azenzeki ngendlela afuna ngayo uHunt, ukhuphe uManyama obengasebenzisana ithuba – endaweni yakhe wafaka uSamir Nurkovic. Nangona iSundowns ibiyeyona edlala umdlalo odibeneyo – kodwa Amakhosi abenomdlalo obhetele kwisigaba sesibini kwaye ebehlasela qho.

Iifolosi zeChiefs zoyiswe kukugqibezela ibhola ebanjwe ngu-Onyango igotywe nguNjabulo Bloem. Emzuzwini wamashumi asoxhenxe nambini, uChiefs ifumene igowuli lokulinganisa emva kwebhola ebikhatywe nguNurkovic yabetha kumdlali weDowns.

Kungaphelanga nemizuzu emibini, uDumisani Zuma ufake igowuli lesibini. UManqoba Mngqithi ufake amadoda afana noKermit Erasmus, u-Aubrey Modiba noMvala. Ngelishwa layo iSundowns, iinguqu aziyincedanga kwaye neChiefs ilwe kwamdaka iisali.

Ekugqibeleni, iChiefs iphumelele ngamagowuli amabini kwelinye – ibuyisa isixhiba emva kokubethwa ngamathathu eqandeni emdlalweni wokuqala kunyaka ophelileyo. Ibikokokuqala iSundowns ibethwa emdlalweni weDStv Premiership kule isizini.