Amakhosi avuthululwe ngamagowuli amane yiYanga emdlalweni weToyota Cup

Izinto eziwahambelanga kakuhle Amakhosi emdlalweni wokuqala phantsi kukaNasreddine Nabi. Amakhosi avuthululwe ngamagowuli amane eqandeni yiYoung Africans emdlalweni weToyota Cup obubanjelwe eToyota Stadium, eBloemfontein, namhlanje emalanga.

Emdlalweni obumhle, uAziz Ki, unikwe iwonga lomdlali oqaqambileyo. Nakubeni bekusadlala abadlali abaninzi besizini egqithileyo – kodwa uNabi unike ithuba umdlali omtsha ofana noNkosana Mbuthu ongunyana kaPatrick Mbuthu owayedlalela iChiefs naye.

Emva kwesiqingatha sokuqala esihle, iYanga iye kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini kwelinye. Emdlalweni obubukelwe ngamawakawaka abantu eBloemfontein, uMduduzi Shabalala unkqonkqoze kuqala ezipalini zikaDjigui Diarra – kodwa ibhola yakhe ibanjwe lula.

Kwangoko, iYanga izame ukuphendula nayo ngebhola ephume ecaleni. Emva koko abadlali beYanga bawuthathele kubo umdlalo. Bayinyanzele iChiefs ukuba idlalele emva yatsho yenza iimpazamo.

Emzuzwini wamashumi amabini anesine, uPrince Dube ufake igowuli lokuqala abadlali beChiefs bebukele. Oku kwenzeke emva kokuba uReeve Frosler edlalise kakubi umdlali weYanga kungekho mfuneko. Naye uMaxi Nzengeli ukhe wazama ukukhabela ezipalini zikaBrandon Petersen – kodwa ibhola yakhe ibhabhe ngaphezulu kweepali.

Emizuzwini yokugqibela kwisiqingatha sokuqala, uAziz Ki oyingozi ufake igowuli lesibini emva kwempazamo eyenziwe nguNkosana Mbuthu osuka kwiChiefs Academy. Nakubeni iChiefs ibuye kwixesha lokuphumla yadlala umdlalo obhetele – kodwa iimpazamo zayo ziye zanda. Kuzo zonke iimpazo, yohlwaywe kakubi yiYanga.

Emzuzwini wamashumi amahlanu anesithandathun, uClement Mzize ufake igowuli lesithathu. Kugqithe imizuzu embalwa, uAziz Ki wafaka igowuli lakhe lesibini emdlalweni wanamhlanje. Zibekhona iintshukumo ezithembisayo kwakungena uNkosingiphile Ngcobo odlale kakuhle noAshley Du Preez. Abethiwe Amakhosi emdlalweni wokucweya yiYanga enethuba elide izilolonga.