Amakhosi aya emdlalweni omkhulu ngempelaveki ukuzithemba kufunqukile. Oku kuza emva kokuba ewise AmaZulu ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obushushu eMoses Mabhida Stadium namhlanje ebusuku.
Ngoku iKaizer Chiefs iyiphumelele yomibini imidlalo yayo kwisizini entsha. Anyatheliswe emalahleni AmaZulu emizuzwini yokuqala yiChiefs ehlasele macala onke. Ukuhlasela kwayo iChiefs kuzele amathokazi ngoba iye yavuzwa ngegowuli.
URanga Chivaviro ubhakuzelise umnatha emva kokunikelwa ibhola entle nguMiguel (Inacio) owoxuthe ibhola embindini webala. Emva koko, iChiefs ibeke uxinizelelo kubadlali boSuthu. UGaston Sirino, odlale kakuhle kwakhona, ufake igowuli lesibini ngebhola ayikhabe ekude.
AmaZulu khange ayeke ukuzama – kodwa amandla ebecuthekile ngoba iChiefs ibisenza idemesha rhoqo xa iye phambili. Nakubeni bezamile ukumthintela – kodwa uMiguel ukwazile ukufaka igowuli lesithathu.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs inkqenkqeza phambili ngamagowuli amathathu eqandeni. Nakuye nabani obebukele umdlalo, bekucacile ukuba iChiefs iwusonge kwisigaba sokuqala umdlalo. Izinto zijikile kwisigaba sesibini, AmaZulu abuye enamandla.
Alawule umdlalo ade afumana igowuli elifakwe yifolosi yaseNigeria ekhathazayo, uEtoisa Ighodaro. Amakhosi khange adlale kakuhle kwisigaba sesibini. Usuthu beludlala lodwa. Amathuba okufamana amanye amagowuli ebekhona – kodwa AmaZulu akakwazanga ukufumana amagowuli.
Anyukele phezulu Amakhosi emva kokuqokelela amanqaku amathathu. Kanti wona AmaZulu asakhangela impumelelo yawo yokuqala ngoba abethwe kuyo yomibini imidlalo kule sizini entsha. Kweminye imidlalo:
iSekhukhune United ibambene neChippa United ngegowuli elinye macala. Yona iStellenbosch intywilisele iCape Town City ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuvutha bhe eKapa. Ifumene impumelelo ebalulekileyo iSuperSport United ebethe iTS Galaxy ngo’3-0.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’