Igqala likanozinti elithandwa kakhulu eMzantsi Afrika, u’Itumeleng Khune, liza kuhlonitshwa yiKaizer Chiefs emva kokuba liyidlalele amashumi amabini anesihlanu eminyaka. Oku kubhengezwe yiChiefs izolo eminini kwingxelo epapashwe kumaqonga onxibelelwano eqela. UKhune uza kuwongwa ngokusesikweni phambi komdlalo ophakathi kweChiefs nePolokwane City oza kube useFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo.
Akukacaci nokuba uKhune uza kudlala na ngomhla aza kuwongwa ngalo liqela lakhe ekunokwenzela alishiye okanye abeke phantsi njengomdlali webhola ekhatywayo ekupheleni kwesizini. Umdlalo kulindeleke utake iintlantsi kakhulu ngoba amaqela omabini ayalingana ngamanqaku futhi afuna ukubethelela iindawo zawo kwiTop 8 phambi kweveki ezayo ekuvalwa ngayo isizini yeDStv Premiership.
Enye into eza kunyanzela iChiefs iphumelele umdlalo wangempelaveki kukuba iza kube iwonga uKhune – oyena mdlali oyidlalele iminyaka emininzi kakhulu. Njengokuba ifumene inqaku elinye emdlalweni ogqithileyo ebambene kuwo naMaZulu, amakhwenkwe kaCavin Johnson kufuneka anyuse iikawusi ukuze ingahlazeki ngakumbi iChiefs kule sizini.
“Iqela lizimisele ukubulela inkxaso yabalandeli ngokuvala isizini ngendlela encumisayo emdlalweni osekhaya, kwangaxeshanye sithe masibanike esinye isizathu sokuya eFNB Stadium ngokuthi sibazise ukuba igqala lethu likanozinti, u’Itumeleng Khune, uza kuwongwa phambi komdlalo.
“Umdlalo uza kubaluleka kuthi ngoba siza kube sisithi enkosi koyena mdlali wethu onembali etyebileyo kwiChiefs,” itshilo ingxelo ekhutshwe izolo eNaturena. UKhune waqala ukudlalela iChiefs Academy ngonyaka ka1999 eselula. Wanyusela waze waqala ukudlalela iChiefs endala kwisizini ka2004/05.
Ukusukela ngoko, uKhune udibanise amashumi amabini eminyaka engumdlali oxabisekileyo kwiChiefs. Emva kokuchitha iminyaka emihlanu kwiChiefs Academy, uKhune wanceda iChiefs ephumelele iindebe eziliqela wade wanguye nomdlali ophambili kwiqela lesizwe kwiitumente eziquka iAfrica Cup of Nations neFifa World Cup eyayibanjelwe eMzantsi Afrika ngo2010.
Amakhosi abongoza abalandeli ukuba baye ebaleni ukuze babe yinxalenye yomhla awongwa ngawo uKhune owadlalele imidlalo engamakhulu amathathu anamashumi amane anesithandathu (346) emidlalo.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi