Amakhosi aya emdlalweni wokugqibela emva kokucambalalisa iChippa United

Khama Billiat of Kaizer Chiefs and Zitha Macheke of Chippa United during the 2019 Nedbank semifinal game between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth on 20 April 2019 Deryck Foster/BackpagePix

Amakhosi
abuyise iinkumbulo zakudala ngethuba ecambalalisa iChippa United ngamagowuli
amane kwamabini (4-2) emdlalweni weNedbank Cup obutshisa bhe eNelson Mandela
Bay Stadium ebusuku namhlanje. Ngoku iKaizer Chiefs iza kudibana neTS Galaxy
emdlalweni wokugqibela kwinyanga ezayo. Amashumi amabini amawaka abalandeli
agoduke exolile emva kokubukela umdlalo osemgangathweni ophezulu oveliswe
yiChippa neChiefs. Kuthe xa kubonakala okokuba umhlaba uyenyuka; uWillard
Katsande, uKhama Billiat – besebenzisana noAndriamirdo Andrianamanana – baqinisekise
ukuba nokuba kwenzeka ntoni – kodwa iChiefs iyaphumelela. Kuye kwanyanzeleka
uErnst Middendorp afake uDumisani Zuma, ofike wafaka igowuli, endaweni kaKabelo
Mahlasela oye wonzakala emdlalweni.

Emva komdlalo
obumhle kwisiqingatha sokuqala, Amakhosi aye kwixesha lokuphumla ehamba phambi
ngegowuli elinye eqandeni. UDumisani Zuma ubhakuzelise umnatha emva kokuba unozinti
weChippa United, uMbongeni Mzimela, ebhutyuze ibhola endaweni embi emzuzwini
wamashumi amathathu anesixhenxe. Umdlali wasesiswini kwiChiefs, uAdriamirado
Andrianamanana, utsale imbumbulu yebhola ethe qelele kwimizuzu yokuqala – kodwa
ngelishwa lakhe, iphume phezu kwepali. Abadlali beChippa basemva uZitha
Macheke, uFrederic Nsabiyumva noGladwin Shitolo babenexesha elinzima kakhulu –
kodwa bazamile ukunqanda abadlali abayingozi abafana noKhama Billiat noKabelo
Mahlasele – oye wakhutshwa emva kokonzakala okumasikizi. Noxa iChippa
ibihlasela kakuhle ngoThabo Rakhale – kodwa yena uKurt Lentjies ebengabonakali
kwaphela.

UMzimela uphinde
waxakeka kwakhona zisuka kwisigaba sesibini. UBilliat, uDax noZuma bebezama
indlela yokufumana igowuli lokuphumelela umdlalo. Noxa iChiefs ibihlasela
ngamandla nakwisiqingatha sesibini – kodwa umdlalo weChippa United ubenako
ukuphucuka. Khange bakholelwe abalandeli uBilliat ephosa ithuba  ejongene noMzimela. Ukapteni weChippa,
u-Andile Mbenyane, ufake igowuli lokulinganisa emzuzwini wamashumi asixhenxe
anesithathu. Umdlalo weChippa uye watshintsha emva kokufumana igowuli ngoba
abadlali bebebona ukuba ikhona into abangayifumana kwakhona xa behlasela.
ULerato Manzini ufake igowuli lesibini emva kwebhola entle ayinikelwe nguThabo
Rakhale. UDax uphendule ngokufaka elakhe emva kokunikelwa ibhola nguZuma. UBernard
Parker ufake igowuli lesithathu. Khange kube kudala, uBilliat ufake elesine
ekude. Amakhosi awuphumelele umdlalo.