Adlulele phambili Amakhosi engabilanga kakhulu emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba evuthulule iFree Agents FC ngemvula yamgowuli amane eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eFNB Stadium namhlanje ngorhatya.
Eminyakeni edlulileyo ilandelelana, iKaizer Chiefs ihlazwe ngamaqela amancinci ngendlela embi kakhulu – kodwa namhlanje abadlali bayo badlalele nje ukuphumelela umdlalo. Into ekuye kwacaca ukuba bayayifuna kukugalela amagowuli ukuze baphumelele umdlalo. Nangona abantu abaninzi bebengazinto ngeFree Agents FC – kodwa namhlanje bayayazi ngoba idlale umdlalo omhle kakhulu eFNB Stadium.
Izamile ukudlala bhetelana kwisigaba sokuqala – kodwa ikhawuleze yabekwa endaweni yayo nguPule Mmodi ofake igowuli emzuzwini weshumi elinesibhozo emva kokudlalelwa ibhola entle nguWandile Duba ongawugqibanga umdlalo ngenxa yokonzakala. Emva kwemizuzu ezixhenxe, uMmodi ufake igowuli lesibini atsho Amakhosi aya kwixesha lokuphumla ehamba phambili.
Ebefana nosekhefini uBruce Bvuma ezipalini kwisigaba sokuqala. Inye kuphela ibhola eyingozi ayoxuthe ezinyaweni zefolosi yeFree Agents FC. Izinto ziguqukile kwisigaba sesibini. Abadlali abafakwe kwisigaba sesibini bawufunqule umdlalo weFree Agents FC.
Into abangakwazanga ukuyenza kukukhabela uBvuma ezipalini. Amakhosi alifumene igowuli lesithathu ngentloko ka-Inacio Miguel onikelwe nguMashiane obekhe walifumana ithuba lokufaka igowuli naye kwisigaba sokuqala.
Emva kokungena mva emdlalweni, uRanga Chivaviro ufake elakhe igowuli elinye alifake ngebhola entle ayinikelwe nguMotlou ofumene iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni wanamhlanje.
Kweminye imidlalo, iPirates izibethele iRichards Bay ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obuseKing Zwelithi Stadium. Yona iPolokwane City ibethe iThe Bees ngegowuli elinye. Kanti yona iMpheni Home Defenders izibethele iHungry Lions ngamagowuli amathathu kwelinye.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!