Amakhosi ayibethele ekhaya iCape Town City, kanti yona iHighlands Park iquthise AmaZulu

Samir Nurkovic of Kaizer Chiefs is tackled by Keanu Cupido of Cape Town City during the Absa Premiership 2019/20 game between Cape Town City and Kaizer Chiefs at Newlands Stadium in Cape Town on 27 August 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Amakhosi
agoduka namanqaku amathathu emva kokuba ebethe iCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye (2-1)
emdlalweni we-Absa Premiership obutshisa eNewlands Stadium ebusuku namhlanje. Ukuphumelela
kweKaizer Chiefs kuthetha ukuthi ayikabethwa nakanye emidlalweni emine
eyidlalileyo kule sizini. Amanqaku amathathu afunyenwe liqela lika-Ernst Middendorp
alibeke phezulu kwiPSL ngamanqaku alishumi emva kokuphumelela imidlalo
emithathu nokudlala ntanganye komnye. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu
kakhulu, uKermit Erasmus ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesithathu umdlalo
uqalile – yatsho yaphala phambili iCape
Town City

ebikhangela impumelelo yayo yokuqala emidlalweni emihlanu eyidlale neChiefs.

UMiddendorp
uqale umdlalo ngoDaniel Akpeyi ezipalini – kanti ekhona noKhama Billiat
phambili. Lizibonakalisile iqela laseKapa ukuba lidlalela ekhaya ngokudlala
kakuhle futhi lihlasela phantse sonke isigaba sokuqala. Amakhosi aphose ithuba
lokufaka igowuli lokulinganisa emva kwebhola engqutyelwe ecaleni nguLazarous
Kambole emva kokudlalelwa kakuhle nguReeve Frosler. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
iCity ihamba phambili – kodwa izinto ziye zajika emva kwexesha lokuphumla. UDaniel
Cardoso ufake igowuli lokuqala leChiefs emva kwebhola ebikhatywe nguGeorge
Maluleka. UBaccus ufake igowuli ephumelele ngalo iChiefs ekuzeni kuphela
komdlalo. Iinguqu ezenziwe nguMcCarthy azikwazanga ukwenza umahluko, kanti uSamir Nuekovic
noLebogang Manyama ngabanye babadlali abayilweleyo iChiefs emdlalweni wanamhlanje.
Komnye umdlalo, iHighlands
Park
ibethe AmaZulu ngo’2-1.

  

Cape
Town
City
Leeuwenburgh,
Mkhize, Cupido, Edmilson, Seedat, Mobara, Mokeke, Makola, Erasmus, Norodien, Mthembu. 

Amalalela: Stephens,
David, Links, Kewuti, Morris, Ralani, Martin.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Ntiya-Ntiya, Mathoho, Cardoso, Frosler, Maluleka,
Manyama, Parker, Nurkovic, Kambole, Billiat.

Amalalela: Khune,
Katsande, Moleko, Castro, Zuma, Baccus, Sasman.