Bancume olukabhulankethe abalandeli beKaizer Chiefs emva kokuba itywatyuhle iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obutshisa eCape Town Stadium emalanga namhlanje. Ibikokokuqala iChiefs ikwazi ukubetha iStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership ukusukela ngonyaka ka-2019. Amakhosi awuqale kakuhle kakhulu umdlalo kwaye ngawona adale amathuba sizuka kwisiqingatha sokuqala. Emizuzwini yokuqala, uAshley Du Preez ufumene ibhola ayinikelwe nguKgaogelo Sekgota – kodwa uSage Stephens khange avume idlule kuye ibhola. Abeluthotho amathuba afunyanwe yiChiefs – kodwa uNhlanhla Mgaga ubhakuzelise umnatha emva kwempazamo kaNjabulo Blom kwathi cwaka eCape Town Stadium.
Kuye kwanyanzeleka iChiefs imkhuphe u-Itumeleng khune oye wonzakala enyongeni, yafaka uBrandon Petersen endaweni yakhe. Amakhosi alifumene igowuli lokulinganisa phambi kokuphela kwesigaba sokuqala. UBonfils-Caleb Bimenyimana, obewiswe emhlabeni kanozinti, uyibeke phakathi ippenela ngokwakhe. Kwisigaba sesibini, Amakhosi afumene elinye igowuli emizuzwini yokuqala. UCaleb ufake igowuli lakhe lesibini emva kokuba ibhola ibetheke esandleni emdlalini weStellenbosch. Abadlali beStellies khange baphinde bakwazi ukudlala umdlalo ozinzileyo emva koko. URafig De Goede unikwe ikhadi elibomvu ngusompempe ngenxa yokudlala kakubi uCaleb obejongene nonozinti.
Naleyo ipenela ibekwe emnatheni nguCaleb. Bazamile abadlali bakaSteve Barker ukubuyela emdlalweni – kodwa iChiefs ibisele ityhile kwelinye iphepha. Emva komdlalo wanamhlanje, uCaleb Bimenyimana ufumene amagowuli amathathu okokuqala oko efikile eMzantsi Afrika. Amanqaku amathathu ewafumeneyo iChiefs namhlanje ayithathe ayibeka kwindawo ephezulu. Nangona besibethe iMaritzburg United ekuqaleni kweveki, iStellenbosch asikwazanga ukuyiphinda lo nto ngenxa yeempazamo ezenziwe ngabadlali basemva. Emva komdlalo, uBarker uvumile ukuba iqela lakhe aliwuqalanga kakuhle umdlalo. Phambi kwendebe yehlabathi, iChiefs iza kudibana neChippa, iPirates naMaZulu.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!