Amakhosi ayibhulel’amasaka iCeltic eVodacom Park

Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela igowuli kumdlalo weMacufe Cup. Umfanekiso: BackpagePix

Amakhosi avuthulule iBloemfontein Celtic ngo’4-1 kumdlalo weMacufe Cup emalanga namhlanje eVodacom Park Stadium.

Omabini la maqela alandelwa kakhulu kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika asebenzise lo mdlalo njengelona thuba lokulola abadlali abangafumani amathuba okudlala ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Ifolosi yeKaizer Chiefs, u-Edmore Chirambadare, ifake elona gowuli likhawulezileyo kwimbali yeMacufe ngomzuzu wokuqala umdlalo uqalile.

Walandela ngelakhe uSiphiwe Tshabalala ngomzuzu weshumi. Umdlalo uqale kakuhle kakhulu – kodwa yiChiefs elawule umdlalo; yiyo lo nto ekhokelele kumagowuli wayo amabini okuqala.

Kuthe xa imizuzu ilishumi elinesihlanu umdlalo uqalile, iBloem Celtic, ibonakele ihlanganisa iibhola zayo kamnandi ukusuka emva isiya phambili ngesantya ebesiyibhida iChiefs – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza phaya emva kwiChiefs. Unozinti waMakhosi, uBrilliant Khuzwayo, ugcinwe exakekile ngabadlali abafana noMusa Nyatama, uZuma noVuyisile Wana; bebenkqonkqoza njalo.

UBernard Parker uvalele emnatheni ipenela xa kanye kuphela isigaba sokuqala somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs iphala phambili ngamagowuli amathathu kwinto engekhoyo yeCeltic.

Zisuka nje kwisigaba sesibini, u-Edward Manqele, uphantse wenza umonakalo emva kokukhaba imbumbulu yebhola ephume ecaleni kancinci epalini. Ibuye ngamandla iBloem Celtic emva koko. Ihlasele macala onke, izama ukuvula izikrobo kudonga lweChiefs emva. Ide yavuzwa ngomzuzu wamashumi amahlanu emva kwebhola ebhutyuzwe ngabadlali beChiefs kumhlaba kanozinti.

UKeagan Buchanan, owaye dlalela eli qela laseFree State, ifake igowuli lakhe lokuqala kwiChiefs ngomzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo.

Uphendule uNyatama ngebhola ayikhabe ekude – kodwa ngelishwa lakhe iphume ecaleni kweepali.

Umdlalo uye wanyukela kwelinye izinganga ngokuhamba kwexesha nangonziwa kweenguqu ngabaqeqeshi. Isiqingatha sesibini silawulwe yiCeltic – kodwa nayo iChiefs khange izibeke phantsi kuba ibihamba phambili ngamagowuli.

Bonke abantu abaye eVodacom Park Stadium bagoduke bexolile kwicala lomdlalo odlalwe ngabadlali ebaleni namagowuli amahlanu afakiweyo kulo mdlalo. Omabini la maqela abuyela kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League kwiveki eqala ngomso efudumele emva kwalo mdlalo.