Amakhosi ayicambalalise kowayo iWydad Casablanca ebingabetheki

Adloba okwamathole Amakhosi emva kokubetha iWydad Casablanca ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weCAF Champions League obunzima eMorocco. IKaizer Chiefs intingele emantla we-Afrika ibonwa njengeedyongo kuba iWydad Casablanca liqela eliyingozi futhi elinexesha elide kakhulu lingabetheki kowalo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu njengoko bekulindelekile. Iqela ebelidlalela ekhaya belinawo amandla emdlalweni kwaye lilo elidale amathuba acacileyo. UBruce Bvuma wenze umsebenzi omhle kakhulu – kodwa uEric Mathoho noCardoso nabo benze umsebenzi oncomekayo. USamir Nurkovic uyibeke endaweni entle iChiefs ngethuba efaka ibhola ebeyinikelwe nguNjabulo Bloem.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ephambili. Isigaba sesibini khange sohluke kwesokuqala ngoba iCasablanca yeyona ibidlala ibhola kakhulu. Amakhosi asebenzele ukukhusela igowuli lawo kwaye lo nto ayenze kakuhle kakhulu ngoba ude waphela umdlalo iCasablanca ingakwazanga ukufumana igowuli okanye amagowuli ebinokuphumelela umdlalo ngawo. Ngoku iChiefs kufuneka ingabethwa xa idlalela ekhaya ukuze iye kwisigaba sokugqibela seCAF Champions League. Ukuba izinto zihlala zinje, kunokwenzeka iChiefs idibane ne-Al Ahly yaseYiphutha eqeqeshwa nguPitso Mosimane emdlalweni wokugqibela. Kokokuqala iChiefs ihamba umgama ongaka kwiChampions League.