Amakhosi
ahleli kwindawo yesihlanu kwi-Absa Premier Soccer League emva kokuba ebethe
iBidvest Wits ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni obubanjelwe
eBidvest Stadium namhlanje ebusuku. IWits ifundiswe isifundo simahla yiKaizer
Chiefs emdlalweni obunzima obudlalwa ngesantya esiphezulu kakhulu. Amagowuli
weChiefs afakwe nguHendrick Ekstein noLeonardo Castro kwisigaba sesibini
somdlalo. Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu, omabini amaqela abonakalise
ukunxanelwa kwawo impumelelo. UThulani Hlatshwayo noBuhle Mkhwanazi benze konke
okusemandleni wabo beqinisekisa okokuba uKhama Billiat noCastro abacholi
naphantsi.
Abadlali
beWits bazamile ukumxakekisa uVirgil Vries kwisiqingatha sokuqala somdlalo –
kodwa bafike ethe qwa. Emva kokusukelana ixesha elide – kodwa isiqingatha
sokuqala siphele kungekho nelinye elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.
Zitshintshile kodwa izinto kwisigaba sesibini. Amakhosi aquqe ebuyelela
kwiimpondo zeWits yade yavula. Emva kokuzama amatyeli aliqela, uCastro ufake
igowuli elincede kakhulu iChiefs ngoba liyinike amandla okuyihlasela iWits
engabetheki lula ebaleni layo. UHendick Ekstein ufake igowuli emva kwebhola
edlalwe ngengqondo ngabadlali beChiefs abafana noBernard Parker noCastro.
Amakhosi aphumelele ngoba lelona qela elibonisileyo kwasekuqaleni ukuba lifuna
impumelelo.
Komnye umdlalo,
iFree State Stars igoduke namanqaku amathathu emva kokubetha iMaritzburg United
eqale yabhakuzelisa umnatha. Amakhwenkwe kaMuhsin Ertugral adlale kakuhle
kwisigaba sokuqala – kodwa ayivumele iFree State Stars yabuyela emdlalweni yade
yafumana negowuli lempumelelo. Lo ithetha ukuthi iTeam of Choice iphoswe
lithuba lokubaleka ezembeni.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!