Amakhosi ayihambe ngenduku iChippa United emdlalweni weDStv Premiership

UKhama Billiat noogxa bakhe bebhiyozela igowuli emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweKaizer Chiefs neChippa United ngorhatya namhlanje eFNB Stadium. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi ayihambe ngenduku iChippa United atsho aphumelela ngemvula yamagowuli amane eqandeni (4-0) emdlalweni weDStv Premiership obuvutha bhe eFNB Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Impumelelo yanamhlanje ithathe iKaizer Chiefs yayibeka kwindawo yesibhozo. Kwisizini eqhubekayo, iChiefs isaphumelele kabini kwiDStv Premiership. Kodwa emva kokudlala kakuhle namhlanje, kunokwenzeka abadlali baye emidlalweni ezayo bekhuthazekile kakhulu. Amagowuli aphumelele ngawo Amakhosi afakwe nguKeagan Dolly (amabini), uKhama Billiat noLazarous Kambole. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini afakwe nguKeagan Dolly osebenzise iimpazamo ezenziwe ngabadlali beChippa kwisigaba sokuqala. USandile Mthethwa weChippa United ugqolodise abadlali beChiefs emva – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni kweepali sele idlule kuDaniel Akpeyi.

Ibidlala kakuhle iChippa United emdlalweni nangona ibiswele amagowuli. Ingene kwisigaba sesibini inethemba lokufumana igowuli ibuyele emdlalweni. UGavin Hunt ufake abadlali abafana noMthethwa, uMogakolodi Ngele noMaloisane abenze umahluko omkhulu emdlalweni. Kwisigaba sesibini, uDolly unikele uKhama Billiat ibhola entle wayibeka emnatheni. Emva koko, uKambole ubethelele isikhonkwane ngegowuli lesine. UHunt uvakalise ukuphoxeka kwakhe yindlela abadlali bakhe abaphose ngayo amathuba neempazamo abazenzileyo ezinike iChiefs amandla emdlalweni. Ukubethwa kweChippa kubeka uxinizelelo kuHunt nangona umphathi wakhe ethe uza kumxhasa ekuqaleni kwale veki. Kanti yena uStuart Baxter uphume ebaleni encume okosana ngenxa yendlela abadlali bakhe abasebenze ngayo. Eminye imidlalo: SuperSport United 2-0 Baroka FC, Sekhukhune United 1-0 Cape Town City

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Njabulo Ngcobo, Mathoho, Dube, Frosler, Blom, Nkosingiphile Ngcobo, Nange, Parker, Dolly, Billiat.

Amalalela: Petersen, Cardoso, Mphahlele, Baccus, Agay, Kambole, Mabiliso, Mashiane, Rabede.

Chippa United: Watenga, Zulu, Hanamub, Jodwana, Haukongo, Lentjies, Pietersen, Sekotlong, Sangare, Mkhize, Lebitso.

Amalalela: Dickens, Ngele, Seabi, Maloisane, Mdinyelwa, Mtshali, Mthethwa, Mokhele, Eva Nga.