Amakhosi ayikrolonqe ngenduku iSimba Sport Club koweCAF Champions League

ULeonardo Castro efaka igowuli ngentloko emdlalweni weCAF Champions League, iKaizer Chiefs ebethe kuwo iSimba Sport Club ngamagowuli amane eqandeni. Umfanekiso: KC Facebook.

Amakhosi ancume olukabhulankethe ngale ntlwa yanamhlanje emva kokuvuthulula iSimba Sport Club ngemvula yamagowuli amane eqandeni (4-0) emdlalweni weCAF Champions League wokuqala obubanjelwe eFNB Stadium. Umdlalo utake iintlantsi zisuka kwisigaba sokuqala. Bekucace gca ukuba iKaizer Chiefs ifuna ukufaka amagowuli kangangoko inako emdlalweni obusebaleni layo. Emzuzwini wesithandathu, uEric Mathoho, obekhe akadlala, ubhakuzelise umnatha – ligowuli eliyinike amandla iChiefs.

Kwangaxeshanye, ligowuli elibaphazamisileyo abadlali beSimba S.C. ngoba abakwazanga ukuphendula. Endaweni yoko, iChiefs ibhalise igowuli lesibini elifakwe nguSamir Nurkovic. Ifolosi yaseSerbia yenze umsebenzi omhle emva kokufumana ibhola entle ebigotywe ngobuchule ekunene nguReeve Frosler. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ephala phambili futhi kubonakala ukuba angafumana amanye kwakhona ukuba ayakwazi ukuyicudisa iSimba S.C.

Kwisigaba sesibini, eyona nto ebibaluleke kakhulu kwiqela likaGavin Hunt ibizizinto ezimbini: ukukhusela amagowuli eliwafumene kwisigaba sokuqala nokusonga umdlalo ngokufaka okungenani igowuli elinye. Emzuzwini wamashumi amahlanu anesixhenxe, uNurkovic ufake igwouli elihle kwakhona ngebhola ayinikelwe nguLebogang Manyama. Kudlule imizuzu yamihlani, uLeonardo Castro waka elakhe. Nangona iSimba iliqela elihlonitshwayo ngenxa yamandla enawo – kodwa ayikwazana tu ukudlala ngendlela eqhelekileyo eMzantsi Afrika.

Phambi kokubuyela ekhaya, ngekungcono kakhulu ukuba bekukho nokuba ligowuli lokubika ekhaya elifumeneyo okanye ingabethwanga kakhulu. Ngoku iphantsi koxinizelelo ngoba kufuneka ibethe iChiefs ngamagowuli amahlanu eBenjamin Mkapa Stadium – apho kuza kudlalelwa khona umlenze wesibini kwimpelaveki ezayo. Inganamandla njengesiqhelo iSimba xa idlalela eTanzania kuba iza kube idlalela phambi kwabalandeli bayo – kodwa kwakuba ngumsebenzi onzima kakhulu ukubetha iChiefs ngamagowuli amahlanu.