Amakhosi ayophisa emva kokubethwa yiRoyal AM emdlalweni wokuvula isizini!

UMxolisi Macuphu weRoyal AM noSiyabonga Ngezana weKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership obuseChatsworth Stadium namhlanje. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi agoduka esophisa emva kokubethwa yiRoyal AM ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eChatsworth ebigcwel’ iphuphuma ngabalandeli ngorhatya lwanamhlanje. Igowuli ephumelele ngalo iThwihli Thwahla lifakwe nguRicardo Mascimento emizuzwini embalwa isiqingatha sokuqala siqalile. Ibikokwesithathu iRoyal AM ibetha iqela laseSoweto. Amakhosi ohlwaywe yiRoyal AM emva kokuba engakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni kanozinti. Bekukho ithemba lesiqalo esihle sesizini entsha phantsi kuka-Arthur Zwane onabadlali abatsha abaninzi emva kokuchithwa kwabanye abaninzi ekupheleni kwesizini.

Isigaba sokuqala sidlalwe ngamaqela omabini ngesantya esiphezulu kakhulu. UKhama Billiat, uAshley Du Preez noKeagan Dolly bazamile ukuhlasela – kodwa uHugo Nyame ebethe qwa ezipalini. Emva kokusukelanga kwisigaba sokuqala, izinto ziye zaguquka kancinci kwisigaba sesibini. Isantya somdlalo siye sehla – kodwa khange ayeke ukukhangela amathuba amaqela. Abaqeqeshi beRoyal AM bongeze abadlali abaliqela emva ngoba bebebona ingozi engenziwa nguBilliat noDu Preez. UYusuf Maart noSiyethemba Sithebe babenomdlalo omhle kakhulu esiswini nangona bebekhathazwa ngu-Andre De Jong ephikweni lasekunxele.

UBruce Bvuma wenze umsebenzi omhle ezipalini, ngaphakoko ngekusithiwa iRoyal AM iphumelele ngamagowuli aliqela. Omabini amaqela azenzile iinguqu – kodwa ngelishwa, iKaizer Chiefs ayizuzanga nto. Igoduka ingaphethanga nto emdlalweni wokuqala wesizini entsha. Amanqaku amathathu amkelwe ngovuyo nguDan Malesela weRoyal AM. Kweminye imidlalo: iPirates ibethe iSwallows ngegowuli elinye kuphela. Yona iGolden Arrows ibethe yiRichards Bay efikayo ngamagowuli amabini eqandeni. Kanti iMarumo Gallants ibambene ngeqanda neStellenbosch FC.

Royal AM: Nyame, Mogaila, Mahlasela, Lingwati, Ndlovu, Manganyi, Nascimento, Macuphu, Potsane, Kobedi, De Jong.

Amalalela: Mpoto, Ncobeni, Phalane, Pelembe, Masuki, Msomi, Cele, Gamildien, Shezi.

Kaizer Chiefs: Bvuma, Blom, Ngezana, Kwinika, Frosler, Alexander, Sithebe, Maart, Du Preez, Dolly, Billiat.

Amalalela: Petersen, Nj. Ngcobo, Solomons, Mashiane, Matlou, Radebe, Nk, Ngcobo, Sekgota, Shabalala.