Amakhosi aza kubhatala ukuze afumane uNarseddine Nabe

Nasreddine Nabi

Umlawuli weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung Jr, ukhangela umqeqeshi omtsha. IChiefs yagxotha uMolefi Ntseki isizini isaqala kunyaka ophelileyo ngenxa yabalandeli ababemthiyile. Endaweni yakhe kwafakwa uCavin Johnson oye woyisakela ngakumbi yiChiefs noxa isiqalo sakhe sasithembisa. Isizini ka2023/24 yeyona ibe mbi kwimbali yeChiefs ngoba idlale umdlalo ombi, ayafumana ndebe, ngaphezulu yaphoswa nayiTop 8 ngoba ivale isizini ihleli kwindawo yeshumi.

Ukungaqhubi kwayo kakuhle iChiefs kubanxunguphalisa abalandeli bayo ngoba sebenyamezele iminyaka elishumi kungekho ndebe. Phakathi kwamadoda ekuvakala ukuba iChiefs iza kukhetha phakathi kwawo kukho uPitso Mosimane obeqeqesha kwiSaudi Pro League, uAlexandre Santos wasePortugal obeqeqesha iPetro de Luanda noNasreddine Nabi.

Iindaba ezithe tshitshilili kumajelo eendaba zithi Amakhosi ancwase yena uNabi waseTunisia oqeqesha iAS FAR yaseMorocco. Kungoku nje uNabi ulwela ukufumana eyona indebe ephambili eMorocco. Amakhosi ayefuna uNabi angene endaweni kaZwane (Aurthur) kunyaka ophelileyo. UNabe, 58, wabuya umva ngoba kwathiwa uZwane uza kuba ngumncedisi wakhe.

Amakhosi abuyela kuye ngoku enenjongo zokumenza umqeqeshi oyintloko. Kweli ityeli, kuthiwa iChiefs izimisele ukumyeka azikhethele abantu afuna ukusebenza nabo. Ingxelo ekutshwe yiSABC Sport ithi uNabe angakhululwa liqela lakhe iAS FAR ukuba uyavuma ukuya kwiChiefs ekupheleni kwesizini yaseMorocco.

Kodwa okucacileyo kukuba iChiefs iza kuyibhatala iAS FAR isixa semali ethile ngoba uNabi usenesivumelwano sengqesho sonyaka kuyo. Abaphathi beChiefs balinde kusongwe isizini ekuthiwa yiBotola Pro League, eMorocco, ukuze kucace ukuba bayavana na nomqeqeshi ojongwe ngamesho abomvu.

Ukuba izinto zihamba kakuhle, umqeqeshi angabhengezwa kwiveki ezayo. Ukuba ilinge leChiefs lokufumana umqeqeshi omtsha liyaphumelela, kunyanzelekile ayitshaye isaqhuma ukuze aqume ihlazo elenzele kwisizini ka2023/24.

Kuthiwa uNabi uza kuvunyelwa eze nabancedisi bakhe. Ngaphezulu koko, kufuneka akhawuleze azame ukuqokelela abadlali abanokumnceda aphelise indlala eNaturena – ikhaya lelona qela elinabalandeli bebhola ekhatywayo abaninzi eMzantsi Afrika.

Akukho badlali esele bethengiwe yiChiefs ngoba ilinde kufike umqeqeshi oza kusebenzisa abadlali abathandwa nguye nabanye abatsha abaseza kufika njengokuba kuvalwe isizini ngokusesikweni eMbombela Stadium ngempelaveki edlulileyo.