Ngokuzithemba okukhulu, uNkosingiphile Ngcobo uxelele iintatheli kule veki ukuba iKaizer Chiefs iza kuphinda iyibethe iOrlando Pirates. La maqela mabini aza kudibana emdlalweni weCarling Black Label Cup ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli eFNB Stadium eminimaqanda eFNB Stadium ngomso. Amakhosi ancwase ukuyiphinda kwakhona iPirates emva kokuyibetha ngegowuli elihle likaYusuf Maart kwiiveki eziphelileyo. Emva kokuphumelela indebe yeMTN8 kwiveki ephelileyo, iPirates iza kulwa kube mdaka iisali ukuze ingalahlekelwa sisidima sayo kwiintshaba zayo ezinkulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.
UNgcobo, obeqale umdlalo ngebhaqo kwidabi laseSoweto kutshanje, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuqhuba kakuhle. “Lukhuphiswano olunika umdla kakhulu iCarling Cup. Umdlalo ophakathi kwethu nePirates usoloko unzima – kodwa okubalulekileyo kuthi kukuba siza kudlalela ukuphumelela umdlalo,” utshilo uNgcobo. Amakhosi oko ephumle emva kokubetha iPirates ekupheleni kwenyanga egqithileyo. Kanti yona iPirates ibixakekile. Nangona kunjalo, uNgcobo uthe iqela laseNaturena liqule lade laligangatha. “Sikulungele ukudibana nePirates kwaye siza kuyibetha. Sizithembile ngoba siyayazi into esinokuyenza,” utshilo uNgcobo oqukiweyo ngabalandeli kwiqela eliza kuqala umdlalo ngomso eFNB Stadium.
“Ndiyayibulela inkxaso endiyikwa ngabalandeli beChiefs. Ndiza kuqinisekisa ukuba ndidlala ngokukhulu ukuzimisela,” uvale ngaloo mazwi uNgcobo. Eminyakeni egqithileyo, iCarling Black Label Cup ibisoloko idlalelwa ngamaqela amabini, iChiefs nePirates. Izinto zijikile kulo unyaka emva kokuba iCarling Black Label Cup ingene endaweni yeTelkom Knockout. Amaqela kulo unyaka mane. Onke avotelwe ngabalandeli bebhola ekhatywayo. Onke amaqela aza kulwela ukuyiphumelela le ndebe yosuku olunye. Akukacaci nokuba imvula ena ngamandla kwiphondo laseGauteng iya kuba naso na isiqabu ngomso.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya