Amakhosi azibethele iGolden Arrows emdlalweni wokuvula iHome of Legends Cup

Amakhosi abethe iGolden Arrows ngo’2-0 emdlalweni weHome of Legends Cup obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Emdlalweni ogabule izigcawu kwiHome of Legends Cup, Amakhosi adlule lula ngamagowuli amabini eqandeni eNelson Mandela Bay Stadium emini namhlanje. Amakhosi aqale umdlalo esebenzisa abadlali abaqhelekileyo – kodwa bekhona abangaqhelanga ukudlala. Phakathi kwabaqale umdlalo kukho uBruce Bvuma, uZitha Kwinika, uSibongiseni Mthethwa noPule Mmodi. Omabini amaqela ebecweya emizuzwini yokuqala futhi kubonakala ukuba asafundana iindawo angabethana kuzo.

IKaizer Chiefs, ebibhexeshwa nguKhalil Ben Youssef endaweni kaNasreddine Nabe ongaphumelelanga, akhawuleze atshintsha igiya. Phakathi kwesiqingatha somdlalo, uMfundo Vilakazi ubhakuzelise umnatha ngebhola ayikhabe ngobuchule esekunene kwebala. ukusukela ngoko iChiefs iwuthathele kuyo umdlalo. UMaart noMthethwa balawule zonke iibhola esiswini futhi bakwazile nokuthintela iGolden Arrows ezamileyo ukuzilwela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ehamba phambili ngegowuli elinye.

UGladwin Shitolo, uKnox Mutizwa noLungelo Dube ngabanye babadlali abathe banceda Abafana Bes’thende abadlale umdlalo ozinzileyo nakubeni amagowuli ebenqabe okwezinyo lenkukhu. Amakhosi enze iinguqu eziliqela kwisigaba sesibini. Phakathi kwabadlali abangene benza umahluko nguNkosingiphile ofike wafaka igowuli lesibini. Amakhosi aphumelele, ngoku aza kulinda eliphumeleleyo phakathi kweSundowns neChippa United.