Amakhosi azimisele ukuguqula izinto kwiCAF

UKhama Billiat weKaizer Chiefs kulindeleke enze indima ebalulekileyo emdlalweni weCAF Confederation Cup neqela laseZambia ekuthiwa yiZesco United FC umfanekiso: Sid Kalunga/BackpagePix

Kukho ukunxunguphala okuthile ebantwini belizwe emva kokuba kungekho nalinye iqela, kwamathathu, elithe lazuza impumelelo emidlalweni yeCAF kwiveki ephelileyo.

Amakhosi abuye ezikhotha amanxeba emva kokuvuthululwa yiZesco United ngo’3-1 emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe kwidolophu yaseNdola eZambia.

Kanti iMamelodi Sundowns ibethwe yiLobis Stars ngo’2-1 emdlalweni obuseNigeria. Yona iOrlando Pirates idlale ntanganye ngeqanda macala neFC Platinum phambi kwenyambalala yabantu eZimbabwe.

Njengokuba ngempelaveki kubuyelwa kwimidlalo yeCAF, Amakhosi anethemba lokuguqula izinto ngokuthi abethe iZesco United emdlalweni ozakube useFNB Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.

Ngumsebenzi ongasoze ubelula lowo kwiKaizer Chiefs – kodwa kunyanzelekile izibonakalise xa idlalela ebaleni layo naphambi kwabalandeli bayo.

Eyona nto eyenza kube nzima ukudlala neZesco kukuba ayizodyongo futhi iqhelene nemidlalo yeCAF.

Nangona ithemba leChiefs, uKhama Billiat, likwazile ukufaka igowuli emdlalweni obunzima eZambia – kodwa alikwazanga ukuyinceda iphumelele umdlalo.

UBilliat uthembise abalandeli beqela lakhe ngokudlala umdlalo ophucukileyo xa iChiefs ingquzulana neZesco kwakhona.

“Besingazimiselanga kubethwa apha. Ewe, kumnandi ukufaka igowuli – kodwa ngekumnandi ngakumbi kum ukuba bekusithiwa siwuphumelele umdlalo okanye sidlale ntangane neZesco. Siza kudlala umdlalo ongcono ngoMgqibelo. Into ebalulekileyo kukuba iqela liye phambili. Yilo nto esiyifunayo,” utshilo uBilliat kwikhasi lomnatha leChiefs.

Umqeqeshi weChiefs, uErnst Midddendorp, ucele abadlali bakhe ukuba bawasebenzise kakuhle amathuba emdlalweni olandelayo.

“Indlela esidlale ngayo emva ayikhange incumise kwaphela. Sidale amathuba amaninzi okufaka amagowuli. Kufuneka siwasebenzise amathuba emdlalweni ozayo ngoba lisekhona ithuba ukuba senza njalo,” utshilo uMiddendorp emva komdlalo.