Amakhosi enze imbali kwiChampions League emva kokubambana neWydad Casablanca

Amakhosi aya kumdlalo wokugqibela weCAF Champions League emva kokubambana neWydad Casablanca emdlalweni obuseFNB Stadium. Umfanekiso: KC Facebook

Amakhosi azenzele imbali kwakhona ngokuthi afikelele kwisigaba sokugqibela seCAF Champions League okokuqala. Oku kwenzeke emva kokuba ebambene ngeqanda macala (0-0) neWydad Casablanca emdlalweni obunzima kakhulu eFNB Stadium, eGoli, ngorhatya lwanamhlanje. Idlulela kwisigaba sokugqibela iKaizer Chiefs ngoba ikwazile ukubetha ngegowuli elinye (1-0) iWydad Casablanca emdlalweni obubanjelwe eMorocco kwiveki ephelileyo. Nangona incedwe kukusetyenziswa kweVAR (ubuchwephesha obuncedisa oosompempe) ukuze iphumelele iChiefs kwiveki ephelileyo, igowuli layo eliqale lakhanyelwa lifakwe sisiquququ saseSerbia – uSamir Nurkovic.

UDaniel Akpeyi uqale umdlalo endaweni kaBruce Bvuma – osebenze ngendlela emangalisayo emdlalweni obuseMorocco. Amakhosi aphantse aqhufuza iqanda emzuzwini wesithathu ngethuba uNurkovic ekhaba ibhola eye yaphuma ecaleni. UDaniel Akpeyi uye wasebenza ngokuthintela ibhola ebiqhawulwe ngu-Ayoub El Kaabi emva kwempazamo ebiyenziwe kwa nguye. Iqela laseMoroco liwuthathele kulo umdlalo ngoba bekufuneka lifake amagowuli amabini ukuze liqinisekise indawo yalo kwisigaba sokugqibela seCAF Champions League. Siphelile isigaba sokuqala iyinkwa nenkwa. Kodwa abadlali abafana no-Aymane Hassouni, uEl Kaabi no-Achraf Dari bazamile ukudala amathuba – kodwa ayavuma iChiefs.

Nakwesesibini isiqingatha somdlalo, iWydad Casablanca idlale umdlalo omhle kakhulu. Idale amathuba aliqela – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukufaka ibhola emnatheni. Adlale kakuhle kekambe nawo Amakhosi ngoba alikhusele igowuli lawo, khange azidube kakhulu ngeCasablanca ebilawula umdlalo. URamahlwe Mphahlele noKearyn Baccus bangene kwiindawo ezishiywe nguYagan Sasman neReeve Frosler oye wonzakala. Iphumelele iChiefs ekugqibeleni emva kokoyisa iWydad Casablanca – elinye lamaqela ayingozi kwizwekazi le-Afrika. Ngoku iChiefs ilinde iqela eliza kuphumelela phakathi kwe-Al Ahly yaseYiphutha ne-Esperance yaseTunisia.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Mathoho, Cardoso, Ngezana, Sasman, Frosler, Katsande, Blom, Ngcobo, Parker, Nurkovic.

Amalalela: Khune, Mphahlele, Baccus, Mashiane, Matsheke.