Amakhosi ophulwe iintliziyo ngaMaZulu emizuzwini yokugqibela

AmaZulu abethe Amakhosi emdlalweni weCarling Knockout namhlanje eFNB Stadium.

Akhala esimantshiyane Amakhosi emva kokuba AmaZulu efumene igowuli ekube kuphela kwalo emdlalweni weCarling Knockout obuseFNB Stadium ngorhatya lanamhlanje. Ukubethwa kweKaizer Chiefs ngegowuli elinye kuthetha ukuthi indlala yeminyaka esibhozo isaqhubela phambili. AmaZulu abuyela ekhaya edloba okwamathole ngoba akwazile ukubuyisa izitya emva kokubethwa yiChiefs ngamagowuli amathathu kwinyanga ephelileyo. Impumelelo yanamhlanje iza kuwanika amandla emidlalweni yeDStv Premiership engayiqalanga kakuhle kuyo.

UMolefi Ntseki uqale umdlalo ngoKeagan Dolly, obekade onzakele, Itumeleng Khune noRanga Chivaviro emdlalweni wanamhlanje. Asukelene amaqela omabini kwisigaba sokuqala. Kuye kwanyanzeleka ukuba Khune achithe iibhola ezimbi AmaZulu ekhangela igowuli anokulifumana. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nakubeni amathuba ebekhona.

AmaZulu angene kwisigaba sesibini eziqonda kakuhle ukuba bekufanele ukuba alifumene igowuli nokuba linye kwisigaba sokuqala. UVeli Mothwa usebenzile amatyeli aliqela. Ifolosi yeChiefs, uRanga Chivaviro, ikhe yazama ukumvavanya ezipalini – kodwa wafika ethe qwa ezipalini. Khange ayeke nawo AmaZulu ukuzama esebenzisa amadoda afana noBen Motshwari, Ethan Brooks noMbongeni Gumede alwileyo kakhulu esiswini seChiefs ebesiqine ngoMthethwa noMaart.

Emva kwexesha elide kungekho gowuli elivelayo futhi sekucaca ukuba kuyiwa kwixesha elongezelelweyo, uTaariq Fielies ufake ibhola emzuzwini wamashumi asibhozo anesibhozo. Eso ibe sisiphele sayo iCheifs kwindebe yesibini edlalelweyo kule sizini. Kanti kwinyanga ephelileyo, iChiefs iphoswe yiMTN8 emva kokukhutshwa yiMamelodi Sundowns. Ukusokola kwayo kubeka uxinizelelo kuNtseki onikwe uxanduva lokubuyisela iChiefs kundalashe. Amakhosi aza kubuyela emidlalweni yeDStv Premiership imimoya iphantsi emva kokuba ephoswe yiCarling Knockout abenethemba layo.