Amakhosi oxuthe amanqaku kwiPirates edlale umdlalo ongcono eFNB Stadium

Leonardo Castro of Kaizer Chiefs celebrates goal during the Absa Premiership 2019/20 football match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Soccer City, Johannesburg on 09 November 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Avule
umsantsa Amakhosi phezulu kwiPremiership emva kokuba ebethe i-Orlando Pirates edlale kakuhle ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni obutsha bhe eFNB Stadium
emalanga namhlanje. Ukuba iibhola ezibethe ipali bezingenile, iPirates
ngeyiphumelele umdlalo ngamagowuli amaninzi kakhulu. Noxa ibethiwe nje iBucs –
kodwa akukho mntu onokuyisola ngokungayidlali ibhola ngoba umdlalo ubungowayo.
Impazamo eyenziwe nguNtsikelelo Nyauza emzuzwini wokuqala umdlalo uqalile,
inike iKaizer Chiefs ithuba lokukhokela phambili. UWayne Sandilands uphume
epalini emva kokujulwa kwebhola ebiphumile, uNyauze uyingqubele kuye (ibhola)
kanti akasekho ezipalini. Khange kube kudala, uLeonardo Castro ubhakuzelise
umnatha ngentloko yatsho yahamba phambili ngo’2-0 iChiefs.

Khange
batyhafe konke konke abadlali bePirates. Badlale umdlalo wabo obalekayo
besebenzisa amaphiko, uGabandinho Mhango noVincent Pule. Kuthe xa kusondela
isiphelo sesiqingatha sokuqala, uPule ufake ibhola entle – emshiye engakholelwa
uDaniel Akpeyi. Isiqingatha sesibini khange sohluke kangako kwesokuqala kwicala
lomdlalo ngoba yiPirates ebinamandla. Abadlali beChiefs bebengakwazi ukuyigcina
ibhola. Ukufumana igowuli kuye kwabakhuthaza kakhulu abadlali bePirates.
UMhango, obengabeva abadlali beChiefs emva, ufake igowuli elihle lokulinganisa
kwathi cwaka eFNB Stadium. IChiefs iphumelele umdlalo ngepenela efakwe
nguDaniel Cardoso emva kokuba uPaseka Mako ewise uBernard Parker endaweni embi.
Ukuphumelela kweChiefs kuthetha ukuthi ibethe iPirates okokuqala eminyakeni
emihlanu.

Komnye umdlalo,
iBaroka FC izibethele iPolokwane
City
ngegowuli elinye
emdlalweni wobukhaya. Yona iStellenbosch ibambene ngeqanda neHighlands Park. IMaritzburg
United ibambene ngo’2-2 neBleomfontein Celtic, iSuperSport United ibethe
iBidvest Wits ngo’1-0.

 

Chiefs: Akpeyi, Frosler, Tower, Cardoso, Sasman, Katsande,
Maluleka, Manyama, Billiat, Castro, Nurkovic

Amalalela: Bvuma, Parker, Zuma, Kambole,
Ntiya-Ntiya, Ngezana, Blom.

Pirates: Sandilands, Maela, Nyauza (c),
Mabaso, Motshwari, Mlambo, Makaringe, Mako, Lorch, Pule, Mhango

Amalalela: Mpontshane, Chabalala, Ndlovu,
Mntambo, Mabasa, Mulenga, Shonga.