Amakhosi ziintshatsheli ezintsha zeMaize Cup!

George Lebese of Kaizer Chiefs is challenged by Sifiso Mbhele of Free State Stars during the 2017 Maize Cup match between Free State Stars and Kaizer Chiefs on the 15 July 2017 at James Motlatsi Stadium, Orkney © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Igowuli elifakwe nguGeorge Lebese kwisiqingatha sesibini somdlalo lilo elincede iKaizer Chiefs ukuze iphumelele iMaize Cup okokuqala kwiminyaka emithathu ikhona le tumente. Amakhosi abethe iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo obunika umdlalo nobubukelwe ngabalandeli bebhola ekhatywayo abangaphaya kweshumi lamawaka abathe bazalisa iJames Motlatsi Stadium, e-Orkney, kwiphondo laseMtla Ntshona namhlanje ngale ntlwa. Amakhosi aqale mdlalo ngeqela labadlali elitsha kunelo belidlale umdlalo wokuqala kule tumente.

Igowuli lempumelelo lifakwe ngomnye wabadlali ababalulekileyo kwiChiefs – uGeorge Lebese. Amaqela omabini aye kwixesha lokuphumla enkonye iqanda emva kwesiqingatha ebesingaxhomisi mehlo kangako nakubeni iFree State Stars ibiyiyo elawule ibhola ubukhulu becala. Abadlali beChiefs abadlala ngasemva bafumene uvavanyo olugqibeleleyo ngoba indlela uVenter, uMakhaula noMasehe babaxheshe kakhulu kwaye bekufanele ukuba kubekho into abayifumeneyo. Ngengxa yabadlali basemva abebekhokelwa nguCardoso – Amakhosi akwazile ukunyamezela kwade kwasekugqibeleni.

Maize Cup's photo.

Kwisigaba sesibini, uBrilliant Khuzwayo, uchithe iibhola eziliqela zeFree State ebithe gqolo ifaka uxinizelelo kulo mdlalo. Iinguqu ezenziwe nguSteve Komphela kwisigaba sesibini somdlalo zibenalo ifuthe kwindlela iChiefs edlale ngayo. Emva kokubamba kwala maqela ixesha elide kungekho qela elifuna ukugoba uphondo, bekufuneka umdlali ozakwenza izinto zenzeke. Ngethamsanqa la Makhosi, uGeorge Lebese, uthathile uxanduva ngokuthi abeke emnatheni ibhola ayifumene kanye ephambi kwepali. Le midlalo incede kakhulu abalandeli beChiefs abaqokelela iqela abazakulidlalisa kwiCarling Black Label xa lidibana ne-Orlando Pirates ekupheleni kwale nyanga yeKhala.

Free Stars: Oliver, Mbhele, Nkili, Mahamutsa, Ndlovu, Venter, Makhaula, Masehe, Jantjie, Vilakazi, Anas.

Kaizer Chiefs: Khuzwayo, Moleko, Cardoso, Gordinho, Zulu, Buchanan, Meyiwa, Molangoane, Twala, Lebese, Shopane.