Amakhosi ziintshatsheli zeShell Helix Ultra Cup emva kokuvuthulula iSundowns!

Kaizer Chiefs team picture During the 2019 Shell Helix Cup match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at the FNB Stadium, Johannesburg on 12 October 2019 BackpagePix

Amakhosi
ziintshatsheli ezintsha zeShell Helix Ultra Cup emva kokuvuthulula kanobom iMamelodi
Sundowns ngemvula yamagowuli amane kwamabini (4-2) emdlalweni obuvutha bhe eFNB
Stadium emalanga namhlanje. Umdlalo utak’ iintlantsi sizuka – kodwa yiKaizer
Chiefs eqale yatsazisa igazi kwisigaba sokuqala. UKhama Billiat noLeonardo
Castro bebengathi batyiwa zizibawu phambili, bebethi bengapha babe bengapha. UCastro
ubhakuzelise umnatha kathathu – kanti yena uBilliat ubuye negowuli elinye. UPitso
Mosimane uqale umdlalo ngabadlali abaliqela abangaqhelanga ukudlala abafana noSphelele
Mkhulise, u-Oupa Manyisa, uAubrey Mngoma, uTokela Rantie noHarold Majadibodu.
Nayo iChiefs idlalise abadlali abafana noPhilani Zulu, uCastro noKgotso Moleko
abangadlaliswayo oko ngu-Ernst Middendorp.

Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Amakhosi ebenamandla
kwisigaba sokuqala somdlalo futhi akwazile nokufaka amagowuli. UManyiswa
ukhutshiwe emdlalweni emva kokonzakala kakubi. Indawo yakhe ithathwe nguHlompho
Kekana – okuye kwanyanzeleka okokuba azame ukuvala izithuba ebezivulwa
nguBilliat noLebogang Manyama. Isiqingatha sokuqala sibuyise iinkumbulo
zeminyaka edlulileyo ngethuba uBilliat noCastro besenza ezibukwayo kwiqela lasePitoli
ababefudula belidlalela ngaphambili. ISundowns idlale umdlalo ongcono yakube
ifake abadlali abafana noGaston Sirino noJose Ali Meza kwisiqingatha sesibini
emdlalweni. UDaniel Akpeyi ngoyena nozinti obexakekile kwisiqingatha sesibini
ngoba iqela lakhe beliphethwe mbengwana yiSundowns ebifun’ apha amagowuli.

Image may contain: one or more people, people playing sports, stadium and outdoor

Emva kokuba
uDaniel Akpeyi engakwazanga ukubamba ibhola ebikhatywe nguSirino, uyibeke
emnatheni uMeza ibhola ayiphiwe okwenduku yomnquma. Lo nto iyinike ithemba
iSundowns. Igowuli lesibini lize ngepenela efakwe nguSirino. Abadlali abafakwe
mva nguPitso bakwazile ukuyiphucula indlela edlale ngayo iDowns emdlalweni –
kodwa nayo iChiefs izamile ukuvala amazibuko kwade kwase kugqibeleni.
Ekupheleni komdlalo, iChiefs iphumelele ngo’4-2 ibetha iSundowns ebiziintshatsheli
zonyaka ophelileyo.

 

Chiefs: Akpeyi,
Sasman, Cardoso, Blom, Zulu, Katsande, Baccus, Manyama, Zuma, Billiat, Castro.

Amalalela: Bvuma, Moleko, Gordinho, Mphahlele, Matsheke, Ntshangase,
Mahlasela, Kotei, Radbe, Lesako, Parker, Twala, Sifama, Gqezenele.

Sundowns: Pieterse, Majadibudo, Lakay, Arendse, Coetzee, Seabi,
Jali, Manyisa, Mkhulise, Ngoma, Rantie.

Amalalela: Mweene, Ngcobo, Ngcongca, Affonso, Mdhluli, Langerman,
Kekana, Sirino, Lukhubeni, Mkhuma, Meza, Vilakazi.