Amalungiselelo ahamba kakuhle, utsho uPalmer!

Abaphathi boMthatha Bucks nabadlali bayo abatsha ababhengezwe namhlanje eMthatha. umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Njengokuba kusondela isiqalo semidlalo yeNational First Division, uMthatha Bucks, uzakuqala lo nyaka phantsi kwesandla somqeqeshi omtsha ogama lingu-Ian Palmer. Le ndedeba ingene endaweni kaVelile Dyaloyi ogxothwe ebutsheni benyanga ephelileyo. 

Abadlali abakhululweyo ngaba: nguSiphelele Jonase, uQiniso Mahlobo, uMokone Moreke, uThapelo Sixishe noRooyen Xundu. Kanti abadlali abathengiweyo nguSydney Masana (Bloemfontein Celtic), Sibusiso Hlubi (Cape Town All Stars), Terence Mashigo (Tut), Johannes Madumeja (Royal Eagles), Lebo Buthelezi (Kaizer Chiefs Development). Kulindeleke kuthengwe umdlali wasemva kungekudala.

Umqeqeshi omtsha weBucks, uPalmer, uthi ujonge phambili ekuncedeni eli qela liye kumgangatho ongasentla (Play-Offs). “Nangona ndizimisele ukusebenza ngokukhuthala – kodwa kusamele ndongeze omnye umdlali wasemva ukuze kuqine udonga lwethu, amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu,” utshilo uPalmer.

Kusenjalo, uMthatha Bucks ubhengeze i-African Bank njengenkampani ezakusebenzisana nayo kwicala leentengiso ukususela ngoku kude kubelixesha elingachazwanga. Imanejala yeli qela, uLuxolo Matikinca, uthe: “Intsebenziswano nale bhanki sisiqalo esitsha kweli qela. Sizoqala kancinane, ikhule ide ibeyinkxaso epheleleyo. Siyavuya ukubhengeza le bhanki njengenxalenye yethu.”

Imanejala ye-African Bank, u-Unathi Mdidi, uthe babone kuyifanelekile ukuxhasa iBucks nanjengoko linemfuno ezibalulekileyo. UMdingi uthe abazukhupha mali ntonje baza kuxhasa ngezinto zokuqaqambisa iintengiso zeli qela kulandela iingxoxo eziqale kunyaka ophelileyo.
Usihlalo weBucks, uPhilisa Mnqandi, uthe banethemba lokufumana inkxaso kwezinye iinkampani eziquka oomasipala. UMthatha Bucks wamkela iJomo Cosmos kumdlalo wokuqala kulo nyaka kwiveki ezayo.