Amandla ezemidlalo ayabuguqula ubomi bomntu

USiya Kolisi ekunye neqela lakhe emva kokuphumelela indebe eJapanUmfanekiso: EPA-EFE/FRANCK ROBICHON

Emva kokuzuzwa kwenkululeko ngo1994 kwabakho intetho ethi uMzantsi Afrika uzele ngamathuba.

Ukusukela ngoko zininzi izinto ezintle ezenzekileyo futhi ezibamanyayo abantu belizwe.

Isiganeko sokuqala soMzantsi Afrika omtsha yaba yiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ngethuba uMongameli wokuqala omnyama, uGqirha Rholihlahla Mandela, ephakamisa indebe yokuqala emva kokubuyiselwa kwawo AmaBhokobhoko embhoxweni wehlabathi.

Kwiveki ephelileyo, iincwadi zembali zibhalwe ngokutsha ngethuba uMzantsi Afrika uzuza iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo eJapan emva kokunqunqela egoqweni amaNgesi ngo’32-12 emdlalweni obubanjelwe eYokohama Stadium.

Amadoda alele emgceni ibe nguMakazole Mapimpi nengqungqumbana ekuthiwa nguCheslin Kolbe – kodwa eyona ndoda ebiquqa ibuyelela ngenqina layo nguHandre Pollard. Ngalo ndlela, AmaBhokobhoko asibuyisile isidima sawo atsho abuyela phezulu embhoxweni wehlabathi.

Kuzo zonke izinto ezenzekileyo, eyona nto eqaqambileyo ibe nguSiya Kolisi obenikwe uxanduva lokukhokela iqela lesizwe kwitumente yehlabathi emva kokuchongwa kwakhe kwisithuba esingaphaya konyaka.

UKolisi, owazalelwa kwilokishi yaseZwide, eBhayi, ube nguKapteni wokuqala omnyama ophakamise iNdebe yeHlabathi kweli lizwe.

Lo nto yenziwe kukuzimisela kwakhe xa edlala umbhoxo nesikhokelo sakhe esihle.

Nangona uKolisi wayesakhula ngethuba uMzantsi Afrika uphumelela ngo2007 kodwa ngenxa yamandla wezemidlalo, namhlanje ubomi bakhe buguquke ngokupheleleyo.

Wakhulela ekhayeni elisokolayo nangani namhlanje kubaliswa ibali lendoda eyintshatsheli.

UKolisi ubulele bonke abantu abanike iqela lakhe inkxaso ngethuba lizabalazela ukuphumelela indebe eJapan.

“Zange ndawubona uMzantsi Afrika unje. Bekungathi kungo1995.

Kukho iingxaki elizweni lethu. Umqeqeshi uthe masidlalele abantu basekhaya eMzantsi Afrika,” utshilo uKolisi emva kokwamkela indebe eYokohama.

“Siyayibulela inkxaso enisinike yona. Lo nto iyabonisa okokuba akukho nto esingenakuyenza xa sibambisene,” utshilo.

Kuyo yonke into eyenzekileyo, oyena ngqondongqondo nguRassie Erasmus owaqala ukuqeqesha AmaBhokobhoko ngo2018.

Wathatha iintambo ngexesha elibi, iqela lesizwe lingaqhubi kakuhle. Emva kokubethwa ngamazwe afana neArgentina neAustralia, uErasmus uthi waphantse wayeka ukuqeqesha ngoba zange wabethwa kathathu izihlandlo zilandelelana ebomini bakhe.

“Phambi kwemidlalo emibini ndathi ukuba iqela aliphumelelanga ndiza kwehla esikhundleni ngoba zange ndabethwa emidlalweni emithathu.

Ndandisithi ukuba ubethwe emidlalweni emithathu, lo nto ithetha ukuthi awukufanelanga ukuqeqesha AmaBhokobhoko.

Kuyo yonke lo nto umdlalo wombhoxo akufanelanga ube yingxaki ngoba kufanele unike abantu ithemba,” utshilo uErasmus.