Amanenekazi oMzantsi Afrika afumana uvavanyo kumaqela aseYurophu

Amaqela esizwe ombhoxo, AmaBhokobhoko neSpringbok Women, aseYurophu – apho alungiselela kudlala khona imidlalo yovavanyo. Iqela lesizwe lamanenekazi linikele umva ilizwe loMzantsi Afrika ukuzithemba kuphezulu nangona linethuba elide lingasadlali. Kulindeleke ukuba lidibane namazwe alushica emidlalweno yovavanyo afana neNgilane, iWales neFrance. Utyelelo loMzantsi Afrika kwizwekazi laseYurophu yinxalenye yamalungiselelo etumente yehlabathi eza kudlalelwa eNew Zealand kunyaka ozayo. Kulindeleke iSpringbok Women sidibane neFrance emdlalweni wokuqala eVannes ngosuku lwangoMgqibelo. Emva koko, siza kuntingela eNgilane – apho kulindeleke sidlale imidlalo yobuhlobo phambi kokuya komnye umdlalo obalulekileyo eTwickenham.

Umqeqeshi weSpringbok Women, uStanley Raubenheimer, uxelele amajelo eendaba ukuba bacele kubekho utyelelo oluseYurophu ukuze bakwazi ukulungiselela ukudibana neFrance kwitumente yehlabathi eyingozi kakhulu. “Asikwazanga ukufumana ithuba lokudlala iminyaka emibini yonke ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Sibona kubaluleke kakhulu ukujonga inkqubela yeqela lethu njengokuba silungiselela itumente yehlabathi. Sifune ukuzivavanya kwiFrance ngoba ikwindawo yesithathu kumanqwanqwa ehlabathi,” utshilo uRaubenheimer.

“Asifuni ukulinda kube ngunyaka ozayo ukuze sibone indlela edlala ngayo iFrance. Okunye okunika umdla kutyelelo lwethu eYurophu kukuba siza kudlala imidlalo eliqela eza kunceda kakhulu abadlali bethu. Akukho mahluko ungako phakathi kwethu neqela elifana neWales ngokomgangatho nangona idlale imidlalo eliqela xa ithelekiswa nelethu,” utshilo uRaubenheimer. ULusanda Dumke uthi akanalo tu uvalo. “Siyalibulela ithuba esilifumanayo lokudlala namaqela aseYurophu. Thina siliqela elisoloko lilangazelela ukudlala ngoba umbhoxo yinto esiyithandayo. Uxinizelelo lukwiFrance, hayi kuthi. Apha eqeleni kuxutywe abadlali abanava nabasebatsha. Lo nto yenza kube mnandi kakhulu enkampini. Singxamele ukufika eFrance senze umsebenzi,” utshilo uDumke.