Amanenekazi weSundowns asecicini lokuphumelela indebe yeCAF

Iqela lebhola lamanenekazi, iMamelodi Sundowns Ladies, lisecicini lokuphumelela eyona ndebe inkulu kwizwekazi le-Afrika. Oku kulandela ukudlulela kwalo kumjikelo wokugqibela weCaf Women’s Champions League emva kokuba libethe iMalabo Kings yase-Equatorial Guinea ngo’5-4 kumapenela emdlalweni onzima obubanjelwe kwibala ekuthiwa yiEl Salaam Stadium ekuqaleni kwale veki. Amanenekazi weSundowns acangcatha ngqo emzileni weqela elidala lamadoda kwaye nawo angazibona eziintshatsheli ze-Afrika ukuba ayawuphumelela umdlalo wokugqibela ngoLwesihlanu.

Njengokuba abalandeli bebhola ekhatywayo besantywizisa emva kokuba aBafana Bafana bebethwe yiGhana ngo’1-0 kwiintsuku ezigqithileyo, amanenekazi weSundowns anethuba elihle lokubosula iinyembezi xa edibana neHasacaas Ladies yaseGhana emdlalweni wokugqibela weChampions League, eCairo. Umqeqeshi weSundowns Ladies, uJerry Tshabalala, uyivuyele kakhulu inkqubela eyenziwe liqela lakhe watsho encoma nomsebenzi omhle eliwenzileyo ukusukela ekuqaleni kwetumente. “Indlela endiziva ngayo andikwazi ukuyichaza – kodwa okubalulekileyo kukuba ndonwabile emva kokuba iqela lidlale umdlalo ophucukileyo kuneminye imihla,” utshilo uTshabalala emva komdlalo wale veki.

Bambanani Nolufefe Mbane of Mamelodi Sundowns challenged by Drepoba Stephanie Gbogou of Malabo Kings FC during the 2021 TotalEnergies CAF Women’s Champions League semifinal match between Mamelodi Sundowns and Malabo Kings at Al Salam Stadium, Egypt, Cairo, on 15 November 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

“Andazi nokuba ndingathi ibhola ekhatywayo ikhohlakele na. Xa ujonga indlela esidlale ngayo kweminye imidlalo, zange sadlala kakuhle njengakule iveki. Abadlali bebesoloko bedlala umdlalo ongadibenanga – kodwa besizifumana iziphumo ezihle. Into eyahlukileyo kulo umdlalo kukuba sidlale kakuhle kakhulu nangona singakwazanga ukuwasebenzisa amathuba emdlalweni,” utshilo umqeqeshi weSundowns Ladies eziintshatsheli ebholeni yaseMzantsi Afrika. Njengokuba iSundowns iza kudibana neHasacaas Ladies ngomso, kufuneka iziqoqoshe ukuze ingangeni engxakini – kodwa ifake namagowuli. “Siza kudlalela ukuphumelela. Sisecicini lokwenza imbali. Ndiyazi ukuba siza kudlala neqela elomeleleyo – kodwa ndilithembile iqela lam,” utshilo uTshabalala.