AmaNgesi abuye nempumelelo eCosmo Arena

Harry Maguire (C) of England rises and scores the opening goal with a header during the FIFA World Cup 2018 quarter final soccer match between Sweden and England in Samara, Russia, 07 July 2018. By: SERGEI ILNITSKY / EPA

Iqela lesizwe
laseNgilane lithe chu ngcembe kwindebe yehlabathi ebanjelwe kwilizwe laseRussia.
Namhlanje lenze umsebenzi oncomekayo kwakhona ngethuba linyathela futhi libetha
lula iSweden ngo’2-0 kumdlalo obungeshushwanga kangako eCosmo Arena ngale
njikalanga. Umqeqeshi weNgilane, uGareth Southgate,
oye neqela labadlali abasebancinane ngokweminyaka kwindebe yehlabathi, uxole
ngakumbi yimpumelelo yanamhlanje ngoba akukho gowuli lifakiweyo kwiqela lakhe.
Kodwa ngaphezulu kwazo zonke izinto, uSouthgate uzenzele imbali ngokuthatha
iNgilane ayibeke kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi emva kweminyaka engamashumi
amabini anesibhozo isoyisakala ingahambanga mgama mde kwiitumente zehlabathi
ezigqithileyo.

  Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Amagowuli
amabini, afakwe nguHarry Maguire kwisigaba sokuqala noDele Alli ofake elakhe
kwisigaba sesibini, athathe inani lamagowuli weNgilane ayokulibeka kwishumi
elinanye kwi-2018 FIFA World Cup. Emva kokubeka iSweden iguqise phantsi
iSwitzerland kumdlalo wayo ogqithilieyo – ayikwazanga ukubonisa umdlalo
ofanayo nalowa namhlanje. AmaNgesi alawule umdlalo phantse wonke umdlalo. Nakubeni
igoduka nje iSweden, imigudu ibe yabonaka – kodwa iinzame zabo ziphazanyiswe
nguJordan Pickford ochithe iibhola ezimbi ezipalini ngale njikalanga. Imizuzu
elishumi iye yaphela kungekho nozinti okhatyelelweyo. UHarry Kane, ongabhaqanga
gowuli namhlanje, uphose ithuba kumzuzu weshumi elinesibhozo.

  Image may contain: 1 person, playing a sport, stadium and outdoor

URaheem Sterling
ufumene ibhola ethe gqi phakathi ebaleni, uzamile ukudlula kunozinti weSweden,
uRobin Olsen, kodwa akakwazanga ukulisebenzisa ithuba lakhe lokufaka igowuli
kuba uye wagutyungelwa ngabadlali beSweden ngokukhawuleza. Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kubonakala ukuba iNgilane inethuba lokuwuphumelela umdlalo ngoba
iSweden ibingakwazi ukugqobhoza kudonga obelwakhiwe nguJohn Stones noHarry
Maguire bencediswa ngu-Ashley Young kwicala lasekunxele. Igowuli elifakwe
nguDele Alli liqinisekise indawo yeNgilane kumjikelo olandelayo kwindebe
yehlabathi. Yinto entle kuye u-Alli ngoba ligowuli lakhe lokuqala kwindebe
yehlabathi.

Sweden: Robin Olsen, Emil Krafth, Victor Lindolof,
Andreas Grangvist, Ludwig Augustinsson, Viktor Claesson, Sebastain Larsson,
Albin Ekdal, Emil Forsberg, Marcus Berg, Ola Toivonen.

England: Jordan Pickford, Kyle Walker, John Stones,
Harry Maguire, Jordan Henderson, Keiran Trippier, Jesse Lingard, Dele Alli,
Ashley Young, Raheem Sterling, Harry Kane.