AmaNgesi awuphethele izembe uMzantsi kwiqakamba

UTemba Bavuma nabanye abadlali abathathu babizelwe kwiqela lesizwe eliza kuqubisana neNgilane emdlalweni wovavanyo wokugqibela ngoLwesihlanu eGoli

UMzantsi Afrika uya emdlalweni wovavanyo wesine umsila uphakathi kwemilenze emva kokubhulelwa amasaka yiNgilane ngemitsi engamashumi amahlanu anesithathu eSt George’s Park ekuqaleni kwale veki.

Abadlali beProteas bakhutshwe bonke kumangeno wesibini benze imitsi engamakhulu amabini anamashumi amathathu anesixhenxe (237).

Nangona AmaNgesi ezihambele okwemel’eshushu ebhotolweni, kodwa asokole ukuwisa uKeshav Maharaj noDane Paterson – abadlali ababini boMzantsi Afrika abenze imitsi elikhulu elineshumi bedibene.

Okucacileyo kwimidlalo yehlabathi kukuba AmaNgesi ayawoyisa uMzantsi Afrika kwibala laseBhayi.

Abadlali beNgilane abenze umahluko ibe nguStuart Broad, uMark Wood noDom Bess ngokuthatha oothinti ababalulekileyo emdlalweni.

“Le yindlela echanekileyo esisoloko sifuna ukuphumelela ngayo imidlalo yethu yovavanyo,” utshilo uKapteni weNgilane, uJoe Root, emva kokutywatyusha uMzantsi Afrika odlale ngaphandle kukaKagiso Rabada obesikiwe ngenxa yokwaphula umthetho wokuziphatha.

Ukubethwa kweProteas kushiye uKapteni, uFaf du Plessis, ethe khunubembe futhi ephantsi koxinizelelo ngenxa yokungakwazi kwakhe ukudlala into ecacileyo nokoyiswa kwakhe kukufunqula iqela xa lisebunzimeni. Ikhwelo elithi uDu Plessis makasuswe esikhundleni lingaqina ngoba naye ubonakala njengomntu onikezeleyo emva komdlalo eSt George’s Park.

“Iqaqobana lethu (singabadlali) aliqhubanga kakuhle emidlalweni yethu. Imitsi engamashumi amabini namashumi amathathu ayamkelekanga konke kwimidlalo yovavanyo. Umgangatho womdlalo wam uphantsi kakhulu,” utshilo uDu Plessis.

Njengokuba uMzantsi uza kuqubisana neNgilane emdlalweni wokugqibela wovavanyo eWanderers Stadium kusasa ngomso, uDu Plessis uxelele iintatheli okokuba kunokwenzeka okokuba ukhokela iProteas okokugqibela emidlalweni yovavanyo.

“Ngeke ndithi ndiza kuhlala ixesha elide kodwa ngoku into ebalulekileyo kukulwa ukuze iqela likwazi ukuqhuba kakuhle kweli xesha leenguqu. Andiqhubanga kakuhle kodwa njengoKapteni weqela lesizwe, ndinoxanduva lokuqinisekisa okokuba iqela liyawuphumelela umdlalo wokugqibela,” uvale ngalo mazwi uDu Plessis.

Kwilinge labaphathi boMzantsi lokuphepha iNgilane ephethe izembe, kubuyiselwe uTemba Bavuma, uBeuran Hendricks, uKeegan Petersen noAndile Phehlukwayo.