Amanqindi abuyela eMonti emva kwexesha elide enqabile

Emva kokuhlehliswa kwinyanga ephelileyo, itumente yamanqindi eququzelelwa yinkampani yabathelekisi, iXaba Boxing Promotions, iqhubela phambili ngoLwesihlanu kule veki eMonti. Abalandeli bamanqindi eBuffalo City – eyona ndawo esaphala phambili ngokuthanda amanqindi – baza kufumana inyhweba yokubukela imilo eyohlukeneyo ephakathi kweembethimanqindi eziphambili eMzantsi Afrika. Oku kwenzeka emva kwetumente yamanqindi ebiququzelelwe yiRumble Boxing Promotions kwiiveki ezidlulileyo eGqeberha. Umlo okulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi uphakathi kwegqala, umakadenetha, uNkosinathi Joyi oza kudibana etshatshalazeni netyendyana elisaze ngobuso ezweni ekuthiwa ngu-Ayanda Ndulani.

La madoda aza kukhuphisana ngentshinga ye-IBO Miniflyweight emlweni onemijikelo elishumi elinanye. UJoyi, 37, obeke wasecicini lokuphulukana nentshinga ye-IBO kwiminyaka egqithileyo, kunyanzelekile aphumelele ngoLwesihlanu, e-International Convention Centre. Phantsi kwegama layo le ndedeba yaseMdantsane inamashumi amathathu anesithandathu emilo, ibethwe kahlanu, yadlala ntanganye kwakanye – eminye iyiphumelele yonke. UNhlanhla Tyirha noJoey Canoy baza kujijisana kube mdaka iisali emlweni wentshinga engenamntu yeWBA Lightfly emlweni onemijikelo elishumi elinanye.

UTyirha, onekamva eliqaqambileyo, uthembise abalandeli bakhe ngokwenza ezibukwayo kuFacebook emlweni wale veki. Imilo ayilwileyo uTyirha yonke uyiphumelele. Udibana noCanoy, 27, oyindoda enamava kakhulu ekhe yazigxama kubantu abafana noNkosinathi Joyi noHekkie Budler. Nangona kunjalo, uTyirha uthe kuzawubizwa igama lakhe emva komlo. Omnye umlo uphakathi kukaNwabisile Cholani noSiphamandla Baleni. Ezi mbethimanqindi ziza kulwela intshinga yeSA Jnr Flyweight emlweni onemijikelo elishumi elinanye. Zombini ezi mbethimanqindi zinethuba zisemanqindini kwaye zinethuba lokuzenzela imbali.