Amanqindi azakuvela kwiSABC namhlanje

IXaba Boxing Promotion ibambisene neSebe lezeMidlalo, iNkcubeko noLonwabo ephondweni iza kube ibambe itumente ebizwa ukuba yi-Celebrating Mandela as a Boxer, ngokuhlwa namhlanje kwiholo yase-ICC.

Izolo imbethi manqindi eziza kulwa kule tumente bezikhweliswa esikalini ukwenza amalungiselelo okugqibela. U-Ayanda Matiti nongumphathi weXaba Boxing Promotion uthe oyona mbethi-manqindi ithe yatshatshela ngokuvotelwa ngabantu iza kuwongwa ngemali engangamawaka alishumi eerandi.

USodolophu kumasipala waseBuffalo City Metro * -Alfred Mtsi uye wayibethelela into yokuba namhlanje kuza kubhalwa imbali okokutsha, kwaye kuza kushiyana oomama ukondla. Abathandi bamanqindi baza kuthi batendwe njengokuba amanqindi eza kuphinda evezwe kumabonakude emva kwexesha elide namhlanje.

UMtsi unqwenela ukuba ingaphela ebantwini ingqondo yokuba, imilo emikhulu ifaneleke ukuba iliwe eRhawutini kuphela. “Kufuneka sibonise abantu ukuba nathi siyiBuffalo City Municipality sinako ukuba sihlinzeke itumente ekudidi oluphezulu,” utshilo uMtsi. Ude wafanisa iMonti kwakunye needolophu ezifana neeVegas eMelika.

“Itumente yanamhlanje ayingomdlalo wabantwana, siza kubukela italente yokwenyani yamanqindi, ndingathanda ukuthi kwiimbethi-manqindi zethu zinga ezona zibalaseleyo zingaphumelela,” utshilo.

UMatiti uye wayibethelela indlela obaluleke ngayo lo msitho wanamhlanje.

“Itumente yanamhlanje iza kuvela kumabonakude nakunomathotholo ngaxesha linye,” utshilo.

UMphathiswa wesebe lezeMidlalo kuzwelonke uFikile Mbalula kulindeleke ukuba abekhona namhlanje, i-MEC yezemidlalo ephondweni uPemmy Majodina naye uza kube ekhona. Nosomlomo wepalamente uBaleka Mbete kulindeleke abe phakathi kwabo baza kuthi bazimase namhlanje.

Emva kwentetho noonondaba kuye kwasukelwa koyena singaye, nobujoliswe ekujongeni ubunzima beembethi -manqindi eziza kulwa. Owona mlo ujongwe ngamehlo abomvu namhlanje, nongowona unkqenkqeza phambili ngumlo we-IBO

Welterweight phakathi kukaTsiko Mulevhedzi waseLimpopo kunye nentshatsheli eza kube ikhusela yaseMdantsane, * -Ali “Rush hour” Funeka. Umqeqeshi kaFuneka uLunga Sekonyela uthi baqule baligangatha ukulungiselela umlo wanamhlanje. “Asimdelelanga lo mfana, kodwa sisebenze nzima ukulungiselela lo mdlalo. Siqinisekile ukuba siza kuyikhusela le tayitile,” utshilo.