Amantombazana adlala umnyazi eMngqesha acela uncedo eluntwini

Iqela lamantombazana asakhulayo adlala ibhola yomnyazi licela inkxaso ebantwini ngenxa yokuswela izinto zokuzilolonga nezokudlala. ULuyanda Kilani, ethetha neli phephandaba kutshanje, uthe nangona iqela aliqeqeshayo, iHungry Netball Club, linethuba elide lidlala ibhola yomnyazi – kodwa akukuhlanga ngoba alinazo kakuhle izinto zokudlala. IHungry Club yasungulwa ngonyaka ka-2006 kwilali yase-Upper Mngqesha. Linabadlali ngoku abaneminyaka elishumi elinesithathu ukuya kwishumi elinesithandathu. Injongo yalo kukunika abantwana ithuba lokudlala nokulola izakhono zabo – kodwa ingxaki ngoku kukuba iqela alinayo ikiti epheleleyo. Abanye abantwana kuyanyanzeleka ukuba banxibe izinto abazithengelwe emakhayeni wabo ngoba akukho ndlela yokuthenga izikipha ezifanayo ezonela lonke iqela.

“Njengokuba singabantu basezilalini, sinzinyelwe kakhulu kwicala lokufumana umntu onokuxhasa le nto siyenzayo. Ngunyaka wesithathu lo ndingumqeqeshi apha e-Upper Mngqesha,” utshilo uKilani. “Singabantwana base-Upper Mngqesha sicela ukuncedwa ngezinto zokudlala ezifana nekiti, iiteki namabala okudlalela. Singabantu abazimiseleyo kakhulu ebholeni yomnyazi. Kangangokuba sisoloko sidlala kwiindawo ezifana neDimbaza, iXesi nePhakamisa. Into embi ngoku umntana ngamnye unxiba into ayithengelwe kowabo. Akukho zikipha ezifanisa umntu wonke. Ingxaki esithi sijamelane nayo kukuba abantwana abaphuma kumakhaya esokolayo abakwazi ukuzithemba phakathi kwabanye abantwana,” utshilo uKilani.

Umdla wokudlala umnyazi ukhona ebantwaneni futhi bayazimisela xa bedlala – kodwa ukungabinazo kakuhle iimpahla zokuzilolonga nokudlala kwenza kube kubi kwabanye abantwana abangakwaziyo ukuzithengela izinto zexabiso eliphezulu. Njengalo naliphi na iqela, iHungry Club ifuna abadlali bayo bafane xa besebaleni ukuze kufunquke nendlela abadlala ngayo.