Amantombazana azonwabisa ngebhola yomnyazi

Amantombazana eelali zaseChizele, eDutywa, ngethuba ezonwabisa ngebhola yomnyazi. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ibhola yomnyazi yinto edlalwa rhoqo kwiilali ezingqonge iChizele. Yiyo lo nto kube lula kubadlali bamaqela omnyazi ukuqokelelana nokuba yinxalenye yetumente ebibanjelwe kumabala aseChizele. Amaqela athe azimasa itumente yeSolezwe aquka iChizele, iTshwathi noNomatye. Akukho ingenye ebibalulekile kumantombazana athanda umnyazi ngaphandle kokuzonwabisa nokulola izakhono zawo zokudlala ibhola. Yonke imidlalo yamantombazana ibibukelwe ngabantu abaninzi kwaye abadlali bazigcine ezo ziqhu zababukeli zinomdla ngokugalela amagowuli ezipalini. Kwibhola yomnyazi ikwayiChizele ephume phambili emva kokuphumelela imidlalo emibini.

Kumdlalo wokuqala, iChizele ivuthulule iTshwathi ngo’18-7, emva koko ibethe iNomatye ngo’17-16 kumdlalo obunzima kakhulu. Amantombazana aye azixelela ukuba soze kudlale abafana bona basonge izandla. Into ethe yabukeleka yitalente eninzi efuna ukuqhuqhwa xa kunokubakho indlela, ukuzimisela nokunxanelwa impumelelo zezinye zezinto ezithe zagqama. Ukugqwesa kwayo iChizele kule midlalo ibe yinto enkulu kuyo ngoba ibethe amaqela anabadlali abadlale kwiindawo eziphezulu apha eMpuma Koloni. IChizele incedwe ngabadlali abafana noMahle Faniso, Siyasanga Ndabambi, Asavela Simayile, Vuyo Pali, Nosiphiwo Mabandla, Siphosethu Temela no-Asiwe Menziwa – bafumene inkuthazo novavanyo phambi kwetumente yokuphela konyaka.

“Bekumnandi ukudlala umdlalo wobuhlobo; siyayivuyela le mpumelelo. Siyathemba ukuba sakwenza ngaphezulu kwixesha elizayo. Ukudlala apha ezilalini yinto yethu. Sidlala apha eChizele nakwezinye iindawo,” utshilo uTemela emva komdlalo.

Kanti yena ugxa wakhe, uAsive Menziwa, uthe: “Sibethe iNomatye, siyavuya ngoba besingenalo ithemba – badlala kakhulu aba bantwana besidlala nabo. Siyabulela kwiSolezwe, lisincedile kakhulu ngale tumente.”

pedro.mapelo@inl.co.za