Kuthe cwaka eMonti emva kokuba iEL Police ingonjwe yiFort Hare Blues ngo’13-5 emdlalweni weBrutten Top 10 obutaka iintlantsi eSisa Dukashe Stadium emalanga ngoMgqibelo ogqithileyo. AmaPolisa aseMonti ziingangalala zombhozo eMpuma Koloni – kodwa azikhotha amanxeba emva kokothuswa yiFort Hare Blues.
Isithonga sokuwiswa kwayo iEL Police sihlokome kwiindawo ezikude ngoba ziingangalala emva kokugqugqisa kweyona tumente inkulu, iEC Super 14, iminyaka ilandelelana.
Nangona bekukho inkwankca eMdantsane ngenjikalanga yangoMgqibelo – kodwa abathandi bombhoxo bahleli kwade kwangongcwalazi ngoba bebengafuni ukuphoswa ngumdlalo wombhoxo obumhle phakathi kwePolice (EL) nabafundi baseFort Hare. Isiqingatha sokuqala somdlalo siphele omabini amaqela enethemba lokuthathela kuwo umdlalo namaqaku apheleleyo.
Ibiphantsi koxinizelelo iFort Hare kancinci ngoba ibibethiwe emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo yiWSU All Blacks ngo’21-20. Nakubeni AmaPolisa ewuphumelele owokuqala, ebenyanzelekile abonise abalandeli bawo ukuba aseliqela lombhoxo elinobunganga embhoxweni waseMpuma Koloni.
Ekugqibeleni, iFort Hare yenze umsebenzi omhle yaphumelela umdlalo ngendlela encumisayo. Ngoku ihleli kwindawo yesibini kuPool A. Inamanqaku amahlanu emva kweLovedale College ehleli phezulu. Emdlalweni wokuqala wosuku, iYoung Leopards izibethele iSwallows ngo’19-10. Yona iBCM ibethe iFB United ngo’22-5.
Umqeqeshi weFort Hare Blues uzamkele ngovuyo olukhulu iziphumo ezifunyenwe ngabadlali bakhe. “Size emdlalweni wanamhlanje sizokwenza izilungiso. Zininzi iimpazamo esizenze ngokuya besidlala neWSU All Blacks.
“Nangoku abadlali bethu badlale umdlalo obhetele kunePolice emdlalweni wanamhlanje. Indlela abadlale ngayo abadlali bethu indonwabise kakhulu. Sifuna ukuphumelela imidlalo ezayo ukuze siye phambili,” utshilo uChase Morrison emva komdlalo eMdantsane.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo