Amaqela amakhulu afuna abadlali beChippa

Isengxakini iChippa United ngenxa yabadlali bayo abafunwa ngapha nangapha ngamaqela amakhulu.

Iindaba ezitshisayo zithi uJoseph Molangoane ufunwa yiKaizer Chiefs – kodwa iqela lakhe alizimiselanga kuyivumela lo nto.

UMolangoane khange adlale kumdlalo wokugqibela wePSL obuphakathi kweChiefs neChippa ngoMgqibelo odlulileyo eFNB Stadium. Amahum-hum athi lo mdlali wabekwa ecaleni kwakube kufunyaniswe ukuba uzama ukuwelela kwiChiefs.

Usihlalo weChippa, uSiviwe Mpengesi, ucatshulwe ngamajelo eendaba esithi abazimiselanga ukuphulukana noMolangoane kuba bafuna ukudlalela ukuphumelela indebe kwisizini ezayo.

Kanti naye uThamsanqa Sangweni kukho iindaba ezithi ufunwa yi-Orlando Pirates neChiefs. Imeko yaba badlali babini iyafana kodwa iChippa ayizimiselanga kubakhulula. “USangweni unesivumelwano neChippa, simlindele xa sivula isizini,” utshilo uLuthando Zibeko wezonxibelwano kwiChippa. UJames Okwuosa sele etyikitywe yiPirates.