Amaqela amakhulu atsalana ngoManyama

ULebohang Manyama kumdlalo wobuhlobo owawuphakathi koMzantsi Afrika neZambia kunyaka ophelileyo UMFANEKISO: Samuel Shivambu

Amaqela aphambili eMzantsi Afrika atsalana ngoLebohang Manyama.

UManyama ubuyele ekhaya emva kokuqhawula isivumelwano sengqesho kwiAtiker Konyaspor yaseTurkey – apho achithe khona isithuba esingaphantsi konyaka emva kokuba ngumdlali oqaqambileyo kwiPSL kwisizini ka2015/16 edlalela iCape Town City.

Iimpukane eziluhlaza zithi iMamelodi Sundowns, iCape Town City, iSuperSport United kanti neKaizer Chiefs, ngawona maqela ekuthiwa anomdla kuManyama.

Ngokwengxelo yeSolezwe, ingqonyela yeSuperSport, uStan Matthews, ithi iyamfuna uManyama – kodwa ingxaki abakwazi ukumelana nemali ayifunayo.

Lo nto inika ithuba elihle iSundowns engazibandeziyo kwicala lokungena nzulu epokothweni.

Usihlalo weCity, uJohn Comitis, udize iindaba ezithi uthethile nenkampu kaManyama futhi uyixelele ukuba uyafuneka ekhaya.

Akukacaci nokuba uyakudlalela eliphi na iqela lo mdlali ngoba umanejala wakhe, uMaimane Phiri, akafuni ukuphumela elubala ngekamva lomdlali wakhe.

“Khange ndiyifihle eyokuba uyakuhlala enayo indawo kwiqela lam. Ndimazi esemncinane uManyama; khange kube nzima ukumxelela ukuba siyamfuna. Uyayazi kakuhle lo nto futhi sinethemba lokuba iinkumbulo zakhe zizo ezinokulukuhla aze ekhaya,” utshilo uComitis kutshanje.

Abanye abadlali abasakhangela amaqela amatsha baquka uTsepo Masilela ochithwe yiChiefs ekupheleni kwesizini, uMzikayise Mashaba obekade edlalela iSundowns nefolosi yeBafana Bafana uTokelo Rantie.

Ingxelo ithi uRantie usahleli kowabo kuba encwase ukufumana ikhaya elitsha emva kokohlukana neqela laseTurkey.

Njengokuba kuvala inyoba yokuthengwa kwabadlali ekupheleni kwale nyanga, abadlali abafana noSibusiso Masina, uVincent Kobola, uMahlatsi Makudubela noMashaba obeke woyanyaniswa neChiefs – abalali buhlayo kuba bekhangela amaqela abanokuwadlalela kule sizini entsha.